Unozinti weBaroka FC, u-Oscarine Masuluke, ucela abantu bavotele igowuli akhuphisana ngalo kwiPuskas Awards. Eli gowuli lodumo walifaka kwimizuzu yokugqibela xeshokweni iBaroka yayidlala ne-Orlando Pirates kumdlalo wePSL ngomhla ngo-2016, ePeter Mokaba Stadium. Ngoku kukho ukhuphiswano lamagowuli elenziwa yiFIFA – apho kukhethwa elona libalaseleyo ukusukela kwinyanga yeDwarha 2016 ukuyoma kweYekhala 2017 kumhlaba wonke kwaye kuphumelela umdlali onelona gowuli elihle.
Kokwesibini umdlali weli lizwe odlala kwi-Absa Premiership echongwa kwezi mbasa; kunyaka ophelileyo uHlompho Kekana weMamelodi Sundowns naye wachongwa negowuli lakhe awalifaka ngo-2015 ngethuba iBafana Bafana idlala neCameroon kumdlalo ohlakulela i-Africa Cup of Nations. UMasuluke ukuluhlu lwabadlali abalishumi abachongiweyo abanye abadlali akhuphisana nabo baquka umdlali waseGhana, uKevin-Prince Boateng (Spain), u-Olivier Giroud (Arsenal), Mario Mandzukic (Juventas) noNemanja Matic (Chelsea).
Ukuze abe uyaphumelela okanye adlulele kwisigaba esilandelayo uMasuluke; abathandi bebhola bangamvotela ngokundwendwela apha: www.fifa.com bajonge igama lakhe ze bacofe uVOTE. Kule nyanga iFIFA izakubhengeza abadlali abathathu abahamba phambili ngokwevoti ukuze badlulele kwinqanaba elilandelayo. Uvoto lwesibini luzakuqala ngala mini kubhengezwe ngayo abathathu abaphume phambili ize ivalwe ngomhla womsitho (23 October). Ophumeleleyo uzakubhengezwa kumsitho ngoMvulo, umhla we-23 kweYedwarha, kwisixeko esikhulu iLondon, eNgilane.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo