Ucenga abalandeli * -Issa

Kule mpela veki kuzakuqhawuka ujingi abantwana bedlala – kwaye futhi iziphumo zomdlalo omkhulu phakathi kwe-Orlando Pirates neKaizer Chiefs zingaphelelisa umntu ngomsebenzi.

Abadlali be-Orlando Pirates bayabona nabo ukuba akukuhlanga konke konke – loo nto ibanyanzele ukuba bamkhusele umqeqeshi wabo * -Eric Tinkler, ngokuthi iminwe mayingakhonjwa kuye kuphela xa izinto zingahambi kakuhle.

Amabhaka-bhaka azokothulana phezulu neChiefs kumdlalo ekulindeleke ukuba udlalelwe phambi kwamawaka asondele kumashumi alithoba eFNB Stadium, ngentsimbi yesithathu emva kwemini, ngoMgqibelo.

EzikaMagebhula ziya kulo mdlalo zidinga amanqaku nyhani emva kokubethwa yiJomo Cosmos ngo’1-0 kwiveki ephelileyo.

Kodwa eyona nto eyenza umdla kakhulu kukuba neChiefs ibibethiwe – loo nto ithi omabini la maqela afuna amanqaku apheleleyo.

Imidlalo ekumila kunje ifuna abadlali abanamava, kodwa iBhakaniya liya kulo mdlalo liqhwalela, ngoba uHappy Jele noSiyabonga Sangweni bonzakele kwakhona kwaye bakubuya kwiiveki ezizayo.

Kodwa nokuba kunjalo, iPirates inabo abadlali abaza kungena ezindaweni zabo. Injineli yePirates esiswini, * -Issa Sarr, yenye yamadoda ekujongwe kuwo.

USarr ubongoza abalandeli ukuba babenomonde. UTinkler nabadlali baphansti koxinizelelo, ngokuba iPirates isahleli kwindawo yeshumi elinanye emva kweshumi elinesine lemidlalo.

“Kubi ngokuba sisekugqibeleni kwisigaba sesibini sesizini. Ndiyazi ukuba abalandeli abonwabanga yiloo nto – kodwa ndiyabacela babenomonde,” utsho Sarr.

Le ndedeba ithi, umqeqeshi ndawonye nabadlali, basebenza ngokuzimiseka okukhulu ukuze baphume kwindawo abakuyo ngoku.

Amakhosi aza kulo mdlalo enomsindo emva kokubethwa kumlenze wokuqala ngo’3-1 kumdlalo owawubanjelwe eFNB Stadium kunyaka ophelileyo.

pedro.mapelo@inl.co.za