UChabangu ukhululwe yiChippa United

Iindaba eziphuma eBhayi kwiNkampu yeChippa United zithi umdlali siswini uLerato Chabangu ukhululwe leli qela.

Oku kulandela ukungasetyenziswa kwakhe kangako nguDan Malesela kwisizini ephelileyo. Lo mdlali owayefudula edlalela iMoroka Swallows wagaleleka kwiiChilli-boys ekuqaleni kwesizini ka’2015/16, kodwa ngoko kwakusekho uRoger Sikhakhane owayengumqeqeshi weChippa.

Ekuhambeni kwakhe [uSikhakhane] uChabangu akakwazanga kwaphela ukubonisa uMalesela ukuba ngenene ukufanele ukudlala kwiqela lakhe.

Le ndedeba inguChabangu yazibalula kakhulu kwiZinyoni zaseDube, kodwa zithe zakube zithotyiselwe kwaNFD, kwanyanzeleka ukuba akhangele ikhaya elitsha. Nangona uChabangu sele ekwiintsuku zakhe zokugqibela kwicala lokudlala ibhola kwinqanaba eliphezulu, kodwa yena isekhona into angayenza xa enofumana iqela elinokumsebenzisa.

Enye yezinto ekubonakala ngathi zimbethile kwiqela likaMalesela kukuba belidlala ngabadlali abanamendu kakhulu.

Njengokuba isizini ivalwe kwiveki ephelileyo ngokusesikweni, akukacaci ukuba uyakweliphi na icala. Baninzi abadlali abafunwa ngamaqela amakhulu beChippa. Abadlali abafana noJames

Okwuosa sele bethathiwe kwelinye icala, uThamsanqa Sangweni noJoseph Molangoane kuvakala iindaba ezithi bafunwa yi-Orlando Pirates neKaizer Chiefs ngokulandelelana.

Kodwa nakubeni kunjalo iChippa United yazise ukuba ityikitye abadlali abathathu abasuka kumaqela adlala kwiNational First Division. Kulindeleke ukuba bazibandakanye neChilli-boys xa zivula ekupheleni kwenyanga yeSilimela.