UChad ugqwesile kwakhona kwiWorld Championships

UChad le Clos yindadi yoMzantsi Afrika ephume izandla. Umfanekiso: BackpagePix

Indadi yelizwe loMzantsi Afrika, uChad le Clos, ugqwesile kwakhona kukhuphiswano lweendadi zehlabathi. Lo kaClos ufumene imbasa yeFina World Championship emva kokufumana eyokuqala imbasa kwiveki epheleliyo.

UChad ufince ugqatso kwixeshana eliyi-1:41.65; emva kwakhe kulandele ixhwangusha laseKorea, uTaehwan Park, olandelwe ngu-Aleksandr Krasnykh welizwe laseRussia. UPark wenze ixesha eliyi-1:41.03 kanti yena uKrasnykh wenza u-1:41.95.

Le ndadi yaseThekwini, uChad le Clos, ivule kakuhle ukhuphiswano ngoLwesithathu ngokufumana iGolide kwi-200m butterfly kwindawo ekuthiwa yi-Ontario.

Zombini ezi mbasa azifumeneyo uChad kulo nyaka, wayezifumene nango-2014. Ngoku iimbasa eziqokelelwe nguChad kwiShort Course World Championship zisixhenxe ezeGolide nezimbini zeSilivere.

Kulindeleke afumane amanye amathuba kwizigaba ezithathu phambi kokubuyela ekhaya. Iqela lababhinqileyo elimele uMzantsi Afrika lenziwe ngaba bantu balandelayo: Alexandra de Loof, Lilly King, Kelsi Worrell noKatrina Konopka.