UChavani usikiwe yiSafa – kodwa AmaZulu akanikwanga amanqaku

UXola Mlambo noKeagan Dolly emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eJonsson Kings Park Stadium kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ikomiti yombutho olawula ibhola ekhatywayo, iSouth African Football Association (Safa), igqibe kwelokuba imsike usompempe nomncedisi wakhe emva kokuba benze isiphoso emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi kweKaizer Chiefs naMaZulu kwiveki ephelileyo eKings Park Stadium. UJelly Chavani noMoeketsi Molelekoa bagxekwe kakhulu ngabalandeli bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika emva kokunika iChiefs ipenela engacacanga kakuhle ngomzuzu wokugqibela. UTapelo Xoki wabonakala ngathi ubambe ibhola ngesandla phakathi ebhokisini kanozinti – kodwa zange ifike esandleni xa ivezwa kakuhle nguSuperSport TV.

Umdlalo wawusele uqhubela phambili – kodwa uChavani wayikhomba echaphazeni ibhola emva kokutshintshwa ingqondo ngumncedisi wakhe uMolelekoa. UKeagan Dolly wayibeka emnatheni ibhola, umdlalo watsho waphela amaqela ebambene ngegowuli elinye macala (1-1). Ikomiti ejonga umsebenzi woosompempe iye yawuqwalasela umsebenzi owenziwe nguChavani nabancedisi bakhe yagqiba kwelokuba banqunyanyiswe iiveki ezintandathu zonke. Ikomiti yoosompempe imfumene usompempe enze isiphoso esiguqule iziphumo zomdlalo. Ngalo ndlela AmaZulu achatshazelwe kakubi sisigqibo esithathwe ngusompempe.

“UMnu. Jelly Chavani noMnu. Moeketsi Molelekoa bafunyenwe benetyala emva kokwenza isiphoso nokwenza umsebenzi ngendlela engamkelekanga. Kugqitywe kwelokuba banqunyanyiswe ekulawuleni imidlalo yeGladAfrica Championship neDStv Premiership iiveki ezintandathu. Ngethuba lokusikwa kwabo, kufuneka bangene kwinkqubo yoluleko eza kuqinisekisa ukuba baxhotyiswa ngokwaneleyo ngendlela yokuphatha imidlalo. Siza kuqhubela phambili nokunyanzelisa umsebenzi osemgangathweni ophezulu koosompempe kwaye kufuneka baqonde ukuba xa isiphoso sabo sifana nesi, kuza kubakho izohlwayo,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiSafa izolo emva kwemini.