Iqela laseKapa, i-Ajax Cape Town, selihlabele mgama ngamalungiselelo esizini ezayo ngokuthi lityikitye umdlali wasemva weChippa United, * -Erick Chipeta.
Lo mdlali unamashumi amabini anesihlanu uya eKapa ekupheleni kwale sizini. UChepeta ngonye wabadlali exhathise ngabo kule sizini iChippa United njengokuba iqhuba kakuhle kwi-Absa Premier Soccer League.
Ukufika kwakhe kwi-Ajax Cape Town kuzakuyinceda kakhulu emva kwesizini ka’2015/16 eyiqale kakuhle, kodwa yasokola emva kokufumana indebe yeMTN 8 eyabetha kuyo iKaizer Chiefs kwisixeko saseBhayi kunyaka ophelileyo. “Ndibulela uMdali ngokundisikelela,” ngamazwi okuqala lawo kaChipeta. “Kudala ndisebenza nzima enkampini nasemidlalweni, kanti kukho abantu abandijongileyo. Ndiyababulela abaphathi be-Ajax ngokundinika ithuba lokuzibonakalisa.
Eli lelinye lamaqela amakhulu apha eMzantsi Afrika, liyibonisile lo nto ngokuthatha iMTN 8. Ndilindele isizini entsha ukuze ndizoqala ubom obutsha. Ndizimisele ukulincedisa eli qela kanangoko, kumnandi kum kakhulu,” utshilo uChipeta.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung