Abaphathi weSouth
African Football Association bakhangela iqela lesizwe elitsha elinokudlala
neBafana Bafana ngempelaveki. Ukuntanta kwezikhulu zoMzantsi Afrika ngoku kuza
emva kokuba iZambia igqibe kwelokuba ihle nomcinga emdlalweni obuza kudlalelwa eHeroes
Stadium, eZambia, ngempelaveki. Unobangela wokurhoxa kweZambia zizidubedube
ezenziwa ngabantu baseGauteng ebantwini bamazwe angaphandle ababamoshelwe
iivenkile zabo.
Ngoku kuya
nyanzeleka uMzantsi Afrika uxoze omnye umphini. Umongameli weZambian FA uxelele
uRobert Marawa okokuba umdlalo obuza kuba phakathi kwelizwe lakhe noMzantsi
Afrika uchithiwe ngenxa yokuhlaselwa kwabantu bamanye amazwe okuqhubekayo
eMzantsi Afrika – ozama umdlalo ukuze uMolefi Ntseki afumane umdlalo wokucweya phambi
kokudibana neGhana neSudan emidlalweni yokuzibekela indawo kwi-Afcon
elandelayo.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!