UChris Nguta uthi uya KwaZulu-Natal epheth’ umkhonto ontlangothimbini!

UChris Nguta ngusozoso waseNgqushwa oyintshatsheli yoMzantsi Afrika.

Inye imini, yile yanamhlanje! Amadoda azizigantsontso aza kukhuphisana kube nzima kukhuphiswano loosozoso (Bodybuilding) KwaZulu-Natal. Oosozoso abaphuma kumaphondo onke waseMzantsi Afrika baza kudibana phaya kwitumente eququzelelwe nguMnu. Mduduzi Green – okwangusozoso ophambili elizweni lonke. IMpuma Koloni iza kumelwa yintshatsheli yoMzantsi Afrika ebeke ithemba layo kuyo – uChris “General” Nguta. Itumente iza kuqala ngale ntsasa ngentsimbi yethoba iyophela ngentsimbi yesithathu emalanga.

“Yitumente yokuqala le ndiyakuyo eququzelelwe ngamadoda angoosozoso. Zange yenzeka lo nto kwi-Afrika yonke. Bayifumene inkxaso, kangangokuba usozoso ophume phambili zonke izigaba uza kugoduka nekhulu lamawaka erandi (R100 000). Ndiya KwaZulu-Natal ngeliyokunika iinkxaso – kodwa kwelinye icala, ikwa yitumente yokuqala ukusukela oko ilizwe lahlaselwa yiKhorona,” utshilo uNguta.

Umgangatho uza kuba phezulu kakhulu. Indoda nganye kufuneka ikhwele eqongeni iyazi into eza kuyenza. Likhona ixhala kuGeneral kuba ixesha lilide bengasakhweli eqongeni ngenxa yeKhorona – kodwa uthi kuza kudlana iintsimbi.

“Amalungiselelo wam ahambe kakuhle ngoba ndaqala ukuzilolonga ekuqaleni konyaka. Abaxhasi bam nabaphathi bendawo endizilolongela kuyo bazamile ukundincedisa kakhulu. Likhona lona ixhala apha kum kuba ndigqibele kudala ukukhwela eqongeni. Andizazi ke ngoku iinduku abaqule ngazo abanye abantu endiza kukhuphisana nabo phaya. Zezo zinto qha endizoyikayo – kodwa ke ndizilungiselele kakhulu. Kodwa ndingatsho ndithi ndikulungele ukuya edabini KwaZulu. Owam umkhonto untlangothimbini,” utshilo uNguta.