UChris Nguta utsha zintambo!

Eyona ndoda yoyikwayo engusozoso ngenxa yokwenza umsebenzi wayo ngokubalaseleyo, * -Akhona Chris Nguta, uthi akaxhobanga ufohlele phambi kokhuphiswano lukazwelonke kule mpelaveki.

Izigantsontso eziphuma kumaphondo olithoba elizwe loMzantsi Afrika zizakube zidibene kukhuphiswano elaziwa ngokuba yiRise of the Phoenix kwindawo ekuthiwa yi-East London Abbotsford Christian Centre. Zonke izigantsontso eziza kolu khuphiswano zifuna ukoyisa uNguta.

Lo nto ibangelwa kukuba lo kaNguta wagqugqisa zonke izigantsontso kunyaka ophelileyo. “Ndim intshatsheli. Ndiyabazi bonke bafuna into enye kolu khuphiswano, ukoyisa mna.

Andinangxaki nalo nto ngoba ndizilungiselele ngokupheleleyo,” utshilo uNguta kweli phephandaba izolo.

Olu khuphiswano lunika abadlali okanye oosozoso balapha eMpuma Koloni ithuba elihle lokuzivavanya kwezinye ezisuka kwezinye iindawo. Imali eyakuthi iphunyelelwe ngulowo uphume phambili ngamashumi amathathu anesibini amawaka eerandi [R32 000].

Njengentshatsheli ekhuselayo, olu khuphiswano lufika lo kaNguta ekhuthazekile emva kokwenza kakuhle kukhuphiswano lwehlabathi obelubanjelwe eSandton kwiphondo laseGauteng kutshanje.

Kulindeleke akhusele isithsaba sakhe ekhuthazekile kulo unyaka ngakumbi.