UChristian Saile ochithwa yiChiefs ufunwa ngapha nangapha

UChristian Saile weKaizer Chiefs ufunwa ngamaqela adlala kwiPSL. Umfanekiso: KC/Facebook

Ifolosi yeKaizer Chiefs, uChristian Saile, ifunwa ngapha nangapha ngamaqela adlala kwiPremier Soccer League. Oku kulandela isigqibo esithathwe yiChiefs sokumchitha okanye sokubulekisa ngaye kude kuphele isizini eqhubekayo.

Njengokuba Amakhosi ekhangela abadlali abatsha, kuvakala ukuba agqibe kwelokuba amhambise lo mdlali waseDemocratic republic of Congo ukuze akwazi ukufaka omnye umdlali osuka ngaphandle koMzantsi Afrika phambi kokuphela kweveki ezayo.

Iingxelo zithi uSaile ufunwa shushu yiSuperSport United. Yona ilandela emva kokuvakala ukuba iChippa United ithetha neChiefs ukuze imthathele kuyo. Bekungekacaci ukuba iingxoxo ziza kuqosheliswa nini kwathi gqi iindaba ezithi iSuperSport United iyamfuna.

Ngokutsho kweSABC Sport, iqela laseMpuma Koloni belizimisele ukumthatha eNaturena limse eGqeberha – apho ebeza kuqala ubomi obutsha phantsi kukaThabo September ongumqeqeshi omtsha.

USaile, 25, akadlaliswanga kakhulu kule sizini nguNasreddine Nabi. Njengabanye abadlali, ulifumene kodwa ithuba lokudlala. Into angakwazanga ukuyenza ukufaka amagowuli. Amakhosi akhangela umdlali onokuwanceda afake amagowuli ngoba ayakwazi ukudala amathuba emidlalweni.

USaile wafika iChiefs isaqeqeshwa ngu-Arthur Zwane esuka kwiNchana Rangers yaseZambia. Kuthiwa Amakhosi azimisele ukubolekisa ngaye kude kuphele isizini emva koko angamthengisa. Amatsatsantsa azama abadlali abanokuyinceda ngoba akaqhubi kakuhle kule sizini.