UChueu nomqeqeshi weMarumo Gallants banyathelene ezinzwaneni!

URomain Folz ngumqeqeshi weMarumo Gallants. Umfanekiso: ©Kabelo Leputu/BackpagePix

Ayikaphumeleli namnye umdlalo iMarumo Gallants kuleyo mithandathu eyidlalileyo – kodwa ingxaki enkulu ejongene nabaphathi yeyabaqeqeshi. URomain Folz uchazwe njengobeke phantsi iintambo ngempelaveki ngomhla womdlalo weDStv Premiership obuphakathi kweGallants neSwallows. Isizathu esabangela apheqe umqeqeshi uthi kukuxelela ukuba makafake abadlali abathile ebaleni ngomhla womdlalo. Noxa engazange anqangaze mntu ngegama – kodwa ekuqaleni kweveki kuye kwacaca ukuba oyena mntu anyathelene naye ezinzwaneni nguHarris Chueu – umphathi oyintloko wabaqeqeshi. Emdlalweni ogqithileyo khange abekho uFolz ngenxa yalo mbambano.

Emva kokuba iGallants ibambene neSwallows ngegowuli elinye macala emdlalweni obuseLimpopo, uMnu. Abram Sello wathi khange ayive eyokulahla komqeqeshi wakhe – kodwa wathembisa ngokuyisabela. UChueu uzikhanyele uzityholo watsho ephindisa ngelithi ngumqeqeshi oyena mntu ongafuni ukuva into esuka komnye umntu. Ekuseni ngoLwesibini, iMarumo Gallants ikhuphe ingxelo ebhaliweyo ezibhekelisayo kwiintetha ezenziwe nguHarris Chueu obonakalayo ukuba ukuchasile ukuqehwa komqeqeshi waseFrance. “Sifuna ukwazisa abantu ukuba iMarumo Gallants ayidibenanga nezinto ezithethwe ngumlawuli weqela, uHarris Chueu. Usihlalo weqela uyabaqinisekisa abalandeli ukuba uyathetha nabo bonke abachaphazelekayo ngenjongo yokufumana isisombululo,” itshilo iGallants.

Ngenxa yobudikidiki besiqalo seGallants kule sizini entsha, lungakhona uxinizelelo ukuba ayikwazi ukuphumelela imidlalo kwelandelayo. Kulindeleke ukuba ilwele ukuphumelela umdlalo wayo wokuqala iMarumo Gallants xa isamkela iKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership ekulindeleke ukuba utake iintlantsi eRoyal Bafokeng Stadium emalanga ngeCawe. Akukacaci nokuba uyakube esekhona na umqeqeshi. Amakhosi aza kuzama ukuntywilisela iMarumo emva kokubambana naMaZulu emdlalweni obunzima eFNB Stadium kwiveki ephelileyo.