Umqeqeshi waMaZulu, uFranco ‘Cijimpi’ Martin, umthethelele unozinti wakhe emva kokwenza impazamo embi emdlalweni ogqithileyo. Kubekho isankxwe emva kokuba uVeli Mothwa ephuncule ibhola eyiganga yajika yaligowuli sekuphela ixesha lomdlalo. Oku kwenzeke emdlalweni AmaZulu abethwe kuwo ngamagowuli amabini kwelinye ePeter Mokaba Stadium.
Isehlo senzeke ngexesha elibi uMothwa enze enye impazamo efanayo aBafana Bafana bedlala ne’Uganda emdlalweni obuseSoweto. UCijimpi uxelele iintatheli emva komdlalo ukuba akukho mfuneko yokugxila kokwenziwe nguMothwa ngoba wenze impazamo.
“Wonke umntu ubonile ukuba kwenzeke ntoni kula bhola. Yimpazamo nje ecacileyo. Kwelinye icala, iifolosi zethu zenze iimpazamo ezininzi,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo. Ukhale ngamathuba angasetyenziswanga kakuhle ngabadlali bakhe. “Sifumene amathuba acacileyo amahlanu – kodwa akukho mntu ondibuza ngabadlali bethu abahlaselayo.
“Iintatheli zinayo indawo yokukhetha – kodwa ke ndiyazi ukuba zifuna ukuthengisa amaphephandaba kubekho nengxoxo kumakhasi onxibelelwano,” utshilo uCijimpi owongeze ngelithi uMothwa ngumdlali ophambili kwiqela lakhe.
Kubonakala ngathi uxinizelelo lumongamele uMothwa. Inkxaso aza kuyifumana yeyona engamnceda ukuze abuyele kwisimo sakhe njengomnye woonozinti abaphambili kwiBetway Premiership. “UMothwa ngoyena mdlali odlalele iqela lesizwe ukusukela oko ndafikayo apha.
“Kunjalo ngoba ikhona into emenza abe ngunozinti osemgangathweni ophezulu. Kufuneka sijonge indlela esinokubuyisela ngayo ukuzithemba kuye. Udlale kakuhle emdlalweni kwade kwafika ixesha enze ngalo impazamo.
“Into entle kukuba AmaZulu enza umsebenzi eliqela. Siphumelela sonke, siphinde sibethwe sonke. Xa kukho umdlali owenze impazamo, uxhaswa ngabadlali bonke. Ndifuna ukuphinda ndithi, impazamo ayenzileyo akukho kuphela kwayo eyenzeke emdlalweni,” utshilo uMartin. AmaZulu aza kwamkela iKaizer Chiefs kwiveki ezayo.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’