UCijimpi uzimisele ukuwabeka phezulu AmaZulu

UPablo Franco Martin ngumqeqeshi waMaZulu. Umfanekiso: ©Thabang Lepule/BackpagePix

Mhla wayethatha iintambo zolawulo ngokusesikweni, uMnu. Sandile Zaungu, wathi ufuna AmaZulu abe lelinye lamaqela alwela iindebe unyaka nonyaka. Iminyaka seyibaleka ngoku ayikenzeki lo nto. UBenni McCarthy wazama ukuyenza lo nto ngethuba ethatha AmaZulu ewabeka kwindawo yesibini kwiDStv Premiership ewasa nakwiCAF Champions League okokuqala embalini – kodwa ukusukela mhla wemka, izinto zabambi ngakumbi. Nangona kunjalo, uMnu. Zungu ufuna AmaZulu abuyele kwindawo yawo kwibhola yaseMzantsi Afrika. Kwiveki ephelileyo, ubhengeze uPablo ‘Cijimpi’ Martin njengomqeqeshi omtsha weqela lakhe. Umbuzo: ingaba uCijimpi angawanceda na AmaZulu? Ngumbuzo osemilebeni yabalandeli bebhola ngoba abaqeqeshi ababini boyisiwe nangona iqela belinabadlali abasemgangathweni ophezulu.

Akukho bani owaziyo ngoba kusaqala amalungiselelo esizini entsha – kodwa uZungu uthe uza kuba nentlanganiso nomqeqeshi omtsha aza kondlala kuyo akufunayo okuquka umyalelo othi AmaZulu kufuneka avale isizini ephakathi kwamaqela amane aphezulu xa kuvalwa isizini. Emva kokubhengezwa kwakhe, uMartin uvakalise uvuyo olukhulu watsho ethembisa ngelithi ufuna ukubuyisela elona qela elidala lebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika kwindawo elifaneleyo. “Ndivuya kakhulu. Sendinethuba elide ndiwalandela AmaZulu kwaye ndiyawazi indlela abaluleke ngayo. Ndiya eMzantsi Afrika ndinenjongo yokwenza imbali ngokuwabuyisela kwindawo ayifaneleyo AmaZulu. Ndifuna abalandeli bazive bebalulekile,” utshilo uCijimpi emva kokwamkela umsebenzi omtsha.

Umqeqeshi omtsha weqela laKwaZulu-Natal ukhe waqeqesha iGetafe, walisekela kwiReal Madrid kowabo eSpain kwiminyaka egqithileyo. Kanti akemtshanga e’Afrika ngoba ukhe waqeqesha iSimba SC yaseTanzania. Uza kuthatha indawo kaRomain Folz no-Ayanda Dlamini abakhululiweyo ngaMaZulu ngenxa yokungoneliseki ziziphumo zemidlalo ebaleni. “Sendineminyaka emine okanye emihlanu ndiyibukela imidlalo yePSL. Bakhona nabadlali abasuka kuyo endikhe ndabaqeqesha. Ndikhe ndancokola nabo futhi ndiyayazi ukuba isemgangathweni ophezulu. Emva kwendikwenze kwiSimba ebikhe yadibana nePirates kwimidlalo yeCAF Confederation Cup, ndicinga ukuba ndingenza bhetele kuMaZulu endifuna alwele iindebe,” utshilo uCijimpi.