UCisse ugxeleshe umdlalo weJapan

UMBaye Niang weSenegal ecela umngeni kuJakub Blaszczykowski wasePoland kwiFIFA World Cup 2018

Umqeqeshi weqela lesizwe laseSenegal ogama linguAliou Cisse uthi uvuyo emva kokuphumelela umdlalo wokuqala kwindebe yehlabathi eRussia ngeke lugubungele umsebenzi ekufuneka bewenzile kumdlalo ozayo.

Oku kuthethwe nguCisse emva kokuba iSenegal ibethe iPoland ngo’2-1 kumdlalo obubanjelwe eOtkrytie Stadium.

NguMbaye Niang oze negowuli lempumelelo emva kwelokuqala elifakwe ngumdlali wePoland ngempazamo ezipalini zakhe.

Izwekazi leAfrika limelwe ngamazwe amahlanu kwi2018 FIFA World Cup – kodwa yiSenegal kuphela ekwazileyo ukuphumelela nencumise izigidi zabantu abadakumbiswe kukungaqhubi kakuhle kwamaqela wabo eRussia.

UCisse ulamkele uxanduva lokumela iAfrika olusemagxeni wakhe nabadlali bakhe emva kokubetha iPoland – kodwa iliso lakhe ulibeke kwiJapan edlala neSenegal ngeCawe ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoba ngowona mdlalo oyakuthi uqinisekise indawo yelizwe lakhe kumjikelo olandelayo.

AmaJapan ayalingana neSenegal emva kokuba ebethe iColombia ngo’2-1.

“Ubumnandi bokubetha iPoland akukodluli ukubetha ilizwe elalisicinezela iFrance ngo2002. Ibalulekile yona impumelelo nakubeni kufuneka silungiselele ukuqubisana neJapan kumdlalo oza kube ungeCawe,” utshilo uCisse.

Akukho nto ingako enokubaliswa kwicala lamathuba emdlalweni obuphakathi kweSenegal nePoland ngaphandle kokusetyenziswa kweempazamo zePoland ezisetyenziswe kakuhle ngabadlali bakaCisse othe impumelelo ize ngenxa yokuzimisela kweqela.

“Iqela liphumelele ngoba liye emdlalweni linesicwangciso esicacileyo sokudlala. Nibonile iSenegal ibiqinile – kwaye ikwazile ukubeka iPoland phantsi koxinizelelo. Besizisebenzisa rhoqo iimpazamo abazenzayo kwakwisigaba sokuqala somdlalo,” utshilo uCisse emva komdlalo.

Njengokuba i2018 FIFA World Cup ebanjelwe eRussia ingene kwiveki yesibini, AmaAfrika abeke ithemba lawo kwiSenegal ekubonakala ngathi yeyona enokwenza ngcono emva kokubethwa kweYiphutha (Egypt) kabini, iMorocco, iNigeria neTunisia kwimidlalo yokuqala.

Nangona ukungaqhubi kakuhle kweAfrika iyinto enxunguphalisayo – kodwa abantu abaninzi bothusiwe kukungaphumeleli kwamazwe amakhulu afana neSpain, iGermany neArgentina kwimidlalo yokuvula.

Iziphumo neendaba ngendebe yehlabathi zifumaneka apha: www.isolezwelesixhosa.co.za