Emva kokugxotha
umqeqeshi wesine kule sizini, usihlalo weChippa United uSiviwe Mpengesi,
ubhengeze igama likaClinton Larsen njengomqeqeshi omtsha weqela lakhe elidume
ngokutshintshatshintsha abaqeqeshi kwinkqubo yezemidlalo kwiRadio 2000
ngorhatya namhlanje. ULarsen ungena ezihlangwini zikaJoel Masutha –
obelibambela mqeqeshi emva kokugxothwa kuka-Eric Tinkler owangena endaweni
kaDan Malesela owanikwa uphumaphele emva kwemidlalo emithathu qha isizini
iqalile. Yena uMasuta ukhululwe engaphumelelanga namnye umdlalo kwemihlanu
edlalwe yiChippa United ngethuba eyiqeqesha. NgoLwesibini ebusuku kule veki,
iChippa ivuthululwe yi-Orlando Pirates ngamagowuli amane kwamabini emdlalweni
we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe e-Orlando Stadium.
UMpengesi
ulibhengeze kwiRadio 2000 igama likaClinton – apho azame ukucacisa khona
izizathu ezibangele enze inguqu kwiqela lakhe. IChippa United ihleli kwindawo
yesibini ukusuka emsileni kwiPSL. Isekele iMaritzburg United esiyibethwe izihlandlo
ezibini phantsi komqeqeshi wayo omtsha – uMuhsin Ertugral. Ukuhamba komqeqeshi
kulandele ezinyaweni zabadlali abaliqela abakhululweyo abaquka uThabo Ntethe
noBuyani Sali. Ethetha kwisikhululo sikaSABC, uClinton Larsen uvakalise ukuba
nethemba kwakhe watsho esithi iqela lakhe elitsha (Chippa United) iza kuyibetha
iMaritzburg United etsala nzima emdlalweni ongomhla weshumi elinethoba kule
nyanga.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika