UClinton Larsen unethemba lokuqhuba kakuhle nakwiBetway Premiership

UClinton Larsen ngumqeqeshi weMagesi FC. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

UClinton Larsen ukhale ngamathuba angasetyenziswanga kakuhle emva kokubethwa kweqela lakhe eMonti. Oku ukuthethe emva kokuba iMagesi FC iguqiswe phantsi yiChippa United ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium ngempelaveki egqithileyo.

Amagowuli ephumelele ngawo iChippa afakwe nguSinoxolo Kwayiba kwisigaba sokuqala somdlalo. Bekunzima kwiMagesi kwisigaba sokuqala ngoba ayikwazanga ukufumana amagowuli ngenxa kaStanley Nwabali ovale onke amazibuko. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iMagesi ihamba emva kweChippa efumene amagowuli amabini.

Abadlali bakaLarsen babuye bayixheshe iChippa yade yenza neempazamo. Ivelile ipenela kwangoko kakhulu kwisigaba sesibini – kodwa uNwabali uyintele ibhola ayangena emnatheni. Lo nto iyiqhokrile iMagesi ngoba igowuli beliza kuyinika amandla okulwa ngakumbi. Khange idlale ibhola ecacileyo iChippa United konke konke kwisigaba sesibini somdlalo ngoba ibihleli emva ihlasela manqaphanqapha.

“Ndicinga ukuba basibethe kuba bewasebenzisile amathuba wabo. Thina asikwazanga ukuwasebenzisa awethu. Sidlale kakuhle kakhulu kwisigaba sesibini – kodwa iinzame zethu zivalwe nguStanley phaya ezipalini. Noxa sibethiwe – kodwa ngeke ndibatyhole abadlali ndithi abazamanga. Ukuphosa kwethu ipenela kwenze umsebenzi wanzima kakhulu,” utshilo uLarsen emva komdlalo.

UChiramandare noMakhubo bakhe bazama ntekunayo bebefika ezipalini ethe qwa unozinti weChippa United ebidlalela ebaleni ebelinabantu abaninzi abayixhasayo eMonti. “Imini ibingeyoyethu. Ndiyazingca kodwa ngeenzame ezenziwe ngabadlali ebaleni. Sisenemidlalo emininzi phambi kwethu, ukuba sidlala ngendlela esidlale ngayo apha, siza kufumana amanqaku amaninzi kakhulu.

“Asiloqela elibetheka lula, neChippa isokole emdlalweni wanamhlanje. Ndiqinisekile ukuba iqela esinalo liza kusibeka endaweni,” utshilo uLarsen onethemba lokufumana amashumi amathathu amanqaku ukuze iMagesi igcine indawo yayo kwiBetway Premiership xa kuphela isizini.