UClinton Larsen unyanzelisa utshintsho kwiChippa United

Abadlali beChippa United esinde ezembeni, babhiyozile emva kokubetha iKaizer Chiefs emdlalweni wokugqibela eNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo Umfanekiso: Bheki Radebe

Emva kwesizini ebinzima kakhulu, iChippa United ikwazile ukuphepha izembe ngokubetha iKaizer Chiefs emdlalweni wokugqibela eNelson Mandela Bay Stadium kwimpelaveki edlulileyo.

Kodwa nangona kunjalo, usihlalo weChippa, uSiviwe Mpengesi, ujongene nenye ingxaki ekufuneka ayilungise ngokukhawuleza nangobuchule.

UClinton Larsen, osindise iChippa ezembeni, unyanzelisa utshintsho kwindlela iqela elilawulwa ngayo phambi kokuba atyikitye isivumelwano sengqesho esitsha.

Umqeqeshi ukuthethe oku ngethuba ephendula imibuzo emva kokuba iqela lakhe lizuze impumelelo ebalulekileyo eBhayi.

Ngenxa yokuswela abaxhasi ngezimali, iChippa iye ithengise abadlali bayo abaphambili qho xa kuphela isizini kodwa lo nto ichaphazele kakubi inkqubela yeqela elakhe langcamla iTop 8 liqeqeshwa nguDan “Dance” Malesela.

ULarsen, othathe iintambo ekuqaleni kwalo nyaka emva koJoel Masutha, uEric Tinkler noMalesela kwisizini ephelileyo, uza kubamba iingxoxo nabaphathi beChippa malunga nokutyikitya isivumelwano esitsha nezinto afuna zitshintshwe phambi kokuzibophelela kwakhona.

“Siza kuhlala phantsi sijonge indlela eya phambili. Ndamxelela usihlalo ukuba ufuna ndihlale kwiChippa, kufuneka kubekho utshintsho futhi sobe ndijike.

Andingovukengceni womqeqeshi oza kwamkela ukuphathwa kakubi kweqela ejongile. Kufuneka kutshintshwe indlela eliphethwe ngayo iqela.

Kudala ndisebholeni, ndiyabona xa kukho into engalunganga kwindlela eliphethwe ngayo iqela.

Into encomekayo kukuba abaphathi bayavuma ukuba kukho izinto ezifuna ukulungiswa.

Ndeza kwiChippa kuba ndibona ukuba liqela elithembisayo futhi endifuna ukulinceda ukuze likhule,” utshilo uLarsen.

IChippa United ivale isizini ikwindawo yeshumi elinambini emva kokuqokelela amashumi amathathu emidlalweni engamashumi amathathu.

ULarsen uthi ukuze iqela likwazi ukuqhuba kakuhle kwisizini elandelayo, kufuneka kugcinwe abadlali abakhoyo ngoku.

“Ukuze iChippa ihlale iliqela elinenkqubela, kufuneka ingabathengisi abadlali bayo ababalulekileyo.

Ngeke kugxekwe abaqeqeshi kodwa iqela lithengisa abadlali.

Ndinethemba lokuba abaphathi baza kukwazi ukubagcina abadlali.

Bona abadlali baza kusoloko befunwa ngamanye amaqela kodwa akufuneki bathengiswe kushiyeke kubetheka iqela.

Siyaxoxa nabaphathi ngokongeza abadlali kwaba esinabo ngoku.

Le nto yokulahlekelwa ngabadlali oko xa kuphela isizini kufuneka iphele.

Andinangxaki nabadlali abaphelelwe zizivumelwano zengqesho kodwa andifuni nokuva ngabaseneminyaka kwizivumelwano zabo,” utshilo uLarsen.