UClinton Larsen uphawula ngomdlalo obunzima izolo

UClinton Larsen uthi iGolden Arrows iphese ithuba elihle lokuthatha amanqaku amathathu kwi-Orlando Pirates. Umfanekiso: BackpagePix

Umqeqeshi waBafana
Bes’thende, uClinton Larsen, ukhalela amathuba angasetyenziswanga liqela lakhe
kumdlalo acinga ukuba ngelifumene amanqaku apheleleyo. IGolden Arrows ibambene
ngeqanda macala (0-0) ne-Orlando Pirates kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
obunzima kakhulu e-Orlando Stadium ebusuku izolo. Emva kokungafumani iziphumo
ezincumisayo kwimidlalo eliqela ekuqaleni kwale sizini, Abafana Bes’thende baye
kwiPirates ngamandla wabo onke kuba bencwase ukufumana impumelelo. Ibingeke ibe
yinto elula leyo kwiBucs ezama ukulwela indebe yePSL kule sizini – kodwa emdlalweni,
iGolden Arrows ibinalo ithuba lokuba amanqaku amathathu ngoba ikwazile
ukubuncothula ubuhlungu okanye ubungozi bayo.

“Lo
ibingomnye wemidlalo ekushiya uzikrwempa intloko. Besinalo ithuba elihle
lokugoduka namanqaku amathathu. Ndicinga ukuba abadlali bethu emva badlale
kakuhle kakhulu. Badlale ngendlela ebesiwucwangcise ngayo umdlalo wethu.
Ngaphandle kwebhola ebikhatywe nguVincent Pule sekusondele ixesha lokuphela
komdlalo, andikhumbuli iPirates ifumana ithuba lokufaka igowuli elicacileyo,”
utshilo uLarsen obekhangela impumelelo enokuthi ifunqule iqela lakhe.

“Ngoku
kufuneka sigoduke siyokuzama ukuphucula indlela esidlala ngayo ebaleni lethu.
Asiqhubi kakuhle konke konke kwimidlalo esiyidlalela ekhaya. Ndiza kuzama ukuba
phumza abadlali. Basoloko bephantsi koxinizelelo lwabalandeli xa bedlalela
ekhaya,” utshilo uLarsen. 
Abafana Bes’thende
baza kuzama ukulwela amanqaku amathathu xa bedlala neBlack Leopards kumdlalo
uzakube usePrincess Magogo Stadium emalanga ngeCawe. Emva kwemidlalo esibhozo
kule sizini, iGolden Arrows ikwindawo yeshumi elinesibini.