UClinton Larsen uyithembisile iChippa United emva tyikitya isivumelwano esitsha

Clinton Larsen, coach of Chippa United during the Absa Premiership 2018/19 match between Mamelodi Sundowns and Chippa United at Loftus Versfeld Stadium, Pretoria on 23 April 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Usihlalo weChippa
United, uSiviwe Mpengesi, umvuze ngesivumelwano sengqesho esitsha uClinton
Larsen emva kokusindisa iqela lakhe kwisizini egqithileyo. Namhlanje, iChippa
ibhengeze iindaba ezithi uLarsen utyikitye isivumelwano seminyaka emibini.
ULarsen wafika eBhayi ekuqaleni kwalo nyaka emva kokugxothwa kukaJoel Masutha ngenxa
yeziphumo ezingancumisiyo. Phambi kwakhe kwagxothwa uEric Tinkler noDan
Malesela. IChippa United, evale isizini ikwindawo yeshumi elinesibini kwiPSL,
yaqinisekisa indawo yayo kwisizini ezayo ngokubetha iKaizer Chiefs emdlalweni
wokugqibela  eNelson Mandela Bay Stadium,
eBhayi, ngomhla wokugqibela.

UMpengesi uthe
uLarsen uzibonakalisile kwisizini egqithileyo okokuba ukulungele ngokwenene ukuba
ngumqeqeshi weChippa United ngokupheleleyo. Usihlalo umncomile kekambe
umqeqeshi wakhe – kodwa watsho emnika uxanduva oluthe chatha kunakuqala. Ngaphandle
kwamathandabuzo, ukuze ziphumelele iinzame zakhe uClinton Larsen – kufuneka anqande
ukuthengiswa kwabadlali abaphambili okuqhele ukwenzeka qho phambi kokuqala
kwesizini entsha. “Sifuna inkqubela emsebenzini owenziwe liqela ekupheleni
kwesizini (2018/19). Makaqinisekise ukuba iChippa ayingeni engxakini ezibhaqe
ikuyo kwisizini edlulileyo. Ngoku sifuna aqinisekise okokuba iqela livala
isizini lingaphakathi kwiTop 8. ULarsen ulilungu losapho elipheleleyo,” utshilo
uMpengesi.

UClinton Larsen
ulamkele uxanduva alunikwe ngumphathi wakhe watsho ethembisa ngelithi sobe
ingenzeki into efunwa liqela lakhe. “Eli qela likhethekile, linabadlali
abasemgangathweni ophezulu futhi linabalandeli abalithandayo kakhulu. Kuya ndichulumancisa
kakhulu ukuba lapha. Ndiyambulela usihlalo weChippa United ngokundithemba kwaye
sobe ingenzeki le nto ayifunayo,” utshilo uLarsen. Ukuba bekungekho ngenxa
yokugxothwa kwabaqeqeshi nokuthengiswa kwabadlali – iChippa United ngeyikhule
kakhulu. Akukho badlali abatsha ababhengeziweyo namhlanje – kodwa kulindeleke babekhona
abadlali abathengwayo phambi kokuqala kwesizini entsha.