UCoetzee akasenguye umgqatswa wokuqeqesha iSpringbok

Owayesakuba ngumqeqeshi weStormers, * -Allister Coetzee, uxelele oonondaba kwilizwe iJapan ukuba uzakuphinda ahlale unyaka wakhe wesibini kwiqela aliqeqeshayo kwela lizwe iKobe Steelers.

Le nto ithetha ukuba uyasuka uCoetzee kubagqatswa besikhundla sokuba ngumqeqeshi weSpringbok.

UCoetzee bekukholeleka ukuba ingaba nguye umntu uzakuthatha, isithuba esishiywe nguHeyneke Meyer kwiSpringbok. UMeyer naye ulisusile igama lakhe kubagqatswa, nalapho ebejonge ukuba angaphinda atyunjwe kwakhona, mva kokuba engaqhuba kakuhle, kwindebe yehlabathi yombhoxo eNgilane kunyaka ophelileyo.

Ukusukela oko wathi wabeka phantsi uMeyer, uCoetzee uye wafumana inkxaso kakhulu kwimibutho yombhoxo. Umbutho wombhoxo waseNtshona Koloni ubumxhasa ngokuphandle.

Nangona ekhe wadibana bucala ne-SARU uCoetzee, akukabikho nto ibonakalayo emva kwale ntlagano yabo, kwaye ukuba uCoetzee aphinde azibophelele kwiSteelers kuthetha ukuba akanamdla walo msebenzi wokuqeqesha iSpringbok.

UCoetzee akaxelelanga kuphela iqela, kodwa wazise noonondaba ukuba uzakubuyela eJapan, akawuthathi umsebenzi wokuqeqesha iSpringbok.

ISARU ithathe isigqibo sokuba ingasibhengezi esi sikhundla, kodwa ikhangele ngokwayo umntu ofanelekileyo. Xa ezikhupha uCoetzee, kungenzeka ukuba uRassie Erasmus, awelwe ngumqa wokuqeqesha iSpringbok.

Igama lika Erasmus kudala kumane kuthethwa ngalo, njengomntu ongathi afaneleke naye ukubamba esi sikhundla. Kodwa okwangoku unomsebenzi omninzi ajongene nawo kwiSARU, kwaye kufuneka kuphungulwe umthalo wakhe ukuze ajongane nesi sikhundla kakuhle.