UCoetzee angagxothwa yiSaru

Umqeqeshi weSpringboks uAllister Coetzee.

Ngaphandle kwamathandabuzo, ingqondo yomqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo, * -Allister Coetzee, ithath’iyeka ngenxa yokungacaci kakuhle kwekamva lakhe njengomqeqeshi weSpringboks.

Ekupheleni kwale nyanga yoMqungu, iinkokeli zeSaru, ziza kubamba intlanganiso – apho kulindeleke zishukuxe nzulu ikamva likaCoetzee.

Oku kulandela isizini yakhe yokuqala ebembi kakhulu njengomqeqeshi weSpringbok. Kwimidlalo yovavanyo elishumi elinambini edlalwe nguMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo uwodwa, AmaBhokobhoko aphulukene nemidlalo esibhozo yonke kwaye lo nto ibangele abekwe kwindawo yeshumi elinesithathu kumanqwanqwa ehlabathi.

Yinto engaqhelekanga leyo konke konke kuMzantsi Afrika ngoba usoloko ukhuphisana namazwe aphambili embhoxweni wehlabathi afana neNew Zealand ne-Australia.

Abasemfutheni wolwazi bathi ukususa lo kaCoetzee kwisikhundla sakhe kungayityabula kakhulu iSaru kwicala lezimali.

Kucingeleka ukuba zizigidi eziphaya kwishumi elinesithathu zeerandi [R13-million] ekufuneka zibhatalwe yiSaru ukuze ahambe.

“Asiqinisekanga ngeyona ndlela esizakuhamba ngayo. Asikazi okwangoku nokuba siyamgcina okanye siyamgxotha kusini na uCoetzee. Silindele kwenziwe ingxelo ngokusesikweni esizakuthi siyihlalutye. Okwangoku akukabikho sigqibo sisithathileyo ngekamva lakhe,” utshilo umongameli weSA Rugby, uMark Alexander kwiphephandaba lempelaveki.

Nangona kukho into ethi angakhululwa uCoetzee, akukavakali ukuba ngubani umqeqeshi ozakungena endaweni yakhe.

Kodwa eyona nto efunwa ziinkokeli nabalandeli bombhoxo eMzantsi Afrika, kukuguquka kwezinto kwiqela lesizwe.