UCoetzee angaphulukana nabadlali ababini kumdlalo wokuqala

Umqeqeshi omtsha weSpringboks * -Allister Coetzee kufuneka axoze mphini wumbi phambi kokuba iqela lakhe lidlale umdlalo wokuqala wovavanyo neIreland, eNewlands kuMgqibelo weveki ezayo.

Umdlali odlala kwilizwe laseFrance, uVermeulen kunye noLouw, nomdlali odlala njengeprop uSteven Kitshoff bagalelekile kwinkampu yeSpringboks eKapa izolo emva kwemini.

Esi sithathu siphosiwe yiveki yokuqala yenkampu yeSpringboks, nebiqhutyelwa eStellenbosch.

UKitshoff kufuneka aqaqambe odlule uTendai Mtawarira kunye noTrevor Nyakane ukuze azibeke ethubeni lokufumana isikipa sokuqala seSpringboks. UVermeulen kunye noLouw babonwa njengabona badlali bafaneleke ukuba badlale kwindawo yesibhozo.

UCoetzee uthi kufuneka aqale abaqwalasele ngokwakhe aba badlali kuba basuka kweyona sizini inzima eYurophu. Lo mqeqeshi ngoyena mntu unawo amava okufumana abadlali abangakulungelanga ukudlala xa bebuya kudlala ngaphandle, ingakumbi ngokwase ngqondweni.

Enye into ezakubacinizela aba badlali abasuka phesheya lixesha, kuba banexesha elingaphantsi kweveki lokuba bazibonakalise kuCoetzee ukuba banako ukuwenza umsebenzi. Into entle kukuba esi sithathu sele sisuka ukudlala phantsi koqeqesho lukaCoetzee esaxhuzula imikhala kwiStormers.

“Besiyazi into yokuba ixesha lizakusibetha. Siyilungiselele loo nto,” utshilo uCoetzee ngoMgqibelo xa beligqibelisa ukuziqeqesha iqela lakhe.