UCoetzee ukhethe iPlatinum Stars

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo lidlale kakuhle kakhulu kulo nyaka – kodwa owona mdlalo elizakuvavanywa ngokupheleleyo kuwo ngulo wale veki.

AmaBhoko-bhoko azakuqubisana ne-Australia kumdlalo weRugby Championship emalanga ngoMgqibelo kwisixeko sasePerth.

Amakhwenkwe ka-Allister Coetzee abethe ilizwe lase-Argentina kabini phambi kwalo mdlalo, phambi kwaleyo abetha iFrance kathathu – lo nto ikufunqule kakhulu ukuzithemba kwabadlali nenkxaso yabalandeli abakhwine kakhulu kwisizini ephelileyo.

Kucace gca engqondweni kaCoetzee okokuba kufuneka abethe iiWallabies ukuze ubunganga beeBoks bubuyele kumbhoxo wehlabathi, yiyo lo nto engafuni ukuphumela elubala ngeqhinga lakhe phambi kwalo mdlalo wempelaveki.

UCoetzee uthi uya kulo mdlalo enexhala labadlali ababini kwiiWallabies: uKurtley Beale no-Israel Folau. Lawo ngamadoda anobuhlungu kwi-Australia. Nangona ibethiwe yiNew Zealand kwiRugby Championsip – kodwa i-Australia ilele emgceni izihlandlo ezilithoba zonke emgceni. Oko kuyabonisa ukuba iyingozi.

“UBeale ukrelekrele, uyakwazi ukufunda umdlalo kwaye unefuthe kumdlalo weeWallabies,” utshilo uCoetzee.

UHandre Pollard ngomnye wabadlali ababuyela kwiiBoks phambi kwalo mdlalo wempelaveki.