UCoetzee ulindele ingozi kwi-Ireland!

Amabhoko-bhoko abuyela ebaleni kwakhona ngoMgqibelo kumdlalo wokhenketho nelizwe lase-Ireland kwidolophu yodumo iDublin.

Kungenzeka ukuba umqeqeshi * -Allister Coetzee ambeke ngaphandle uElton Jantjies kwi-flyhalf akhethe uHandre Pollard. “Umbuzo obalulekileyo ngulo: njengokuba uJantjies ebengekho iiveki ezintathu, ingaba ndiza kutyumba yena okanye uPollard lo ebeziqeqesha neqela?

Esi sisigqibo ekufuneka ndisithathe xa sele ndibathelekise bobabini aba badlali,” utshilo uCoetzee.

UJantjies oko ebefakwa ekuqaleni komdlalo kuyo yonke imidlalo yeBoks elishumi edlaliweyo kulo nyaka.

Kwelinye icala, uPollard khange afumane mdlalo isizini yonke ngenxa yokonzakala. Emva kokudlala neNew Zealand ne-Australia, igxekwe kakhulu indlela aqhube ngayo uJantjies, ingakumbi kwiCastle Championship.

Ukukhupha uJanjties izakuba sisigqibo esikhulu kuCoetzee, kodwa ngokwentetho yakhe kuyabonakala ukuba sisigqibo azimisele ukusithatha. Lo mqeqeshi utshilo ukuba ulindele umdlalo onzima kwaye nabadlali balindele ukhuphiswano olunzima kwi-Ireland. Njengabaqeqeshi, uthi uCoetzee baqwalasele kakhulu abadlali abanokuthi bakhethe kubo kwi-flyhalf.

“Ukuzithemba yeyona nto ibalulekileyo embhoxweni. Kufuneka ufike emdlalweni uzimisele ukuba ufuna ukuphumelela yonke into,” utshilo uCoetzee.

Eyona nkuthazo kubadlali nomqeqeshi yindlela iiBoks ezidlale ngayo kumdlalo wazo ne-All Blacks kwinyanga ephelileyo. Into yokungaphumeleli kweBoks kwimidlalo emithathu edlulileyo iza kubafaka phantsi koxinizelelo kakhulu abadlali.

Bagqibela ukuphumelela ngokubetha i-Argentina kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo. Yonke le nto ibeka ubunzima nokubaluleka kulo mdlalo baza kuwudlala ne-Ireland, eDublin.

“Ilizwe lase-Ireland lizakwehluka kakhulu naxa uthelekisa ngoko sasidlale nayo kunyaka ophelileyo. Yayiphela isizini yabo, ngoku siza kudlala ekuqaleni kwesizini. Baliqela eliluqilima futhi bayakwazi ukukhaba nokukhusela ibhola,” utshilo uCoetzee.