UCoetzee ulwela isidima sakhe

Umqeqeshi weSpringboks uAllister Coetzee kulindeleke asuswe esihlalweni sakhe nguSaru umfanekiso: EPA/YOAN VALAT

Uhili ude waphuma ezingcongolweni. Iindaba ngokugxothwa kuka-Allister Coetzee zide zavakala.

Ngoku le ndedeba yakwaCoetzee ibetha ngenqindi phantsi ngelithi izakusilwela isidima sayo kwaye ixolele ukujinga iliso.

Kutshanje kuthe gqi ingxelo eyimfihlo ethi uCoetzee uzakususwa njengomqeqeshi waMabhoko-bhoko, indawo yakhe izakuthathwa nguJohan “Rassie” Erasmus.

Ingxelo ithi uCoetzee uzakuba ngumqeqeshi njee ongenamandla omane enika ingxelo ngezinto azenzileyo uRassie.

Njengokuba iSpringboks sibethwe kwimidlalo eliqela futhi ebalulekileyo kunyaka ophelileyo – kwaye kwathiwa ikamva likaCoetzee lakucaca kwakube kwenziwe uhlalutyo olunzulu lomsebenzi awenzileyo kule minyaka mibini idlulileyo.

Umhla we-18 kule nyanga yoMqungu 2018, wawubekelwe bucala yiSouth African Rugby Union (Saru) ukuze kuphicothwe umba womsebenzi womqeqeshi – kodwa endaweni yoko, waxelelwaa okokuba akasenguye umqeqeshi oyintloko weSpringboks.

“Endaweni yokujonga umsebenzi wam, iSaru yase yandixelela injongo yayo yokuqhawula isivumelwano sam sengqesho nayo. Kwathiwa ukuba ndifuna ukuhlala, ndiza kuthotyiselwa ndibe ngumqeqeshi ongenanto yokwenza naMabhoko-bhoko ngoba uRassie sele eqeshiwe endaweni yam futhi sele esenza umsebenzi njengomqeqeshi oyintloko weeBoks. Xa ndithotyiselwa kufuneka ndijongane nehlazo lokunika ingxelo uRassie,” utshilo uCoetzee.

Emva kokubethwa kweeBoks ngamazwe afana neNew Zealand ne-Australia kunyaka ophelileyo, zaye zakhula izimemelelo ezithi uCoetzee makagxothwe.

Ibisoloko itshone eqokobheni ke iSaru – kodwa kuyabonaka ngoku okokuba ide yathatha isigqibo esingaginyekiyo kumqeqeshi.

UCoetzee wangena kwisikhundla sokuqeqesha ngo-2015 kwaye bekulindeleke ukuba ahlale kude kugqithe indebe yehlabathi ezayo.

“Impatho endiyifumene kwiSaru iyabonisa ukuba ifuna ukundithoba isidima esidlangalaleni. Ndandingumqeqeshi ophume izandla kwiSuper Rugby ngethuba (iSaru) isithi ilizwe lidinga ubuchule nesakhono sam. Andinawo umdla emalini, kodwa ndizimisele ukukhusela isidima sam esizakurhuqwa eludakeni yiSaru ngabom,” utshilo uCoetzee.