UCoetzee unexhala phambi komdlalo wovavanyo

USergeal Petersen ngethuba Amabhokobhoko ezilolonga eFourways High School, nge 24 kweyeDwarha 2016

Kushiyeke iintsuku ezimbalwa phambi kokuba Amabhoko-bhoko angquzulane nelizwe eliyingozi kumbhoxo, iNgilane.

Umqeqeshi * -Allister Coetzee sele eqalile ukuthelekisa amanqaku omdlalo weqela lakhe ebelidlala neBarbarians ngoMgqibelo odlulileyo.

Amabhokobhoko adlale ntanganye ngo’ 31-31 kulo mdlalo, ibingumdlalo wokuqala wokhenketho kwelamaNgesi.

UCoetzee unexhala kuba engafumananga ixesha elaneleyo nabadlali bakhe phambi kokuya eTwickeckenham.

Ngabadlali abalishumi elinambini abazakuzimanya neqela likaCoetzee abazakujamelena neNgilane, Italy neWales.

Umqeqeshi weNgilane * -Eddie Jones ukhe wencedisa uJake White kwiiBoks. Ngaphandle kwamathandabuzo uzakube edlala neqela alaziyo ukuba libotshwa ndawoni na. UJones sele ebadibanisile bonke abadlali bakhe kwinkampu ebisePortugal kwiveki ephelileyo, apho alungiselela khona uMzantsi Afrika, i-Argentina ne-Australia. INgilane oko iphumelela imidlalo elishumi ilande lelana, elithoba kule midlalo ibinguJones obexhuzula imikhala.

Eyona nto izambeka phantsi koxinizelelo uCoetzee kukuba ngoku uzama ukuqalisa indlela entsha yokudlala, kodwa ixesha akanalo. Ngoku ufuna abadlali bagxile kakhulu ekuhlaseleni xa bedlala umdlalo wabo.

“Into ezakuba nzima kukwenza iqela lethu lidibane kule veki. Sele ndichithe iiveki ezimbini naba badlali, ngoku besilungiselela umdlalo weBarbarians, uninzi labo ngabadlali abancinci kodwa ndonwabile yindlela abaqhube ngayo,” utshilo uCoetzee.

“ Umdlalo wethu wokugqibela wovavanyo siwudlale kwisithuba senyanga edlulileyo. Akuzobalula ukungquzulana neNgilane izakuba ngumceli mngeni ngaphandle kwamathandabuzo.”

INgilane liqela elinamava kakhulu, kwaye uCoetzee uhamba neqela elinabadlali abaninzi abaselula. Abadlali abafana noJamba Ulengo noNizaam Carr uzakubeka ithemba kubo ngoMgqibelo.