UCoetzee unezizathu zokungamfaki uCombrinck!

Umdlali weqela lesizwe lombhoxo, uRuan Combrinck, uyakukhunjulwa ngabantu abaninzi njengomdlali owalala emgceni amatyeli amabini kumdlalo weBoks kunyaka ophelileyo.

Kula mdlalo wahlangula iBoks izakudlakazwa yiWallabies. Lo mdlali udlala eJapan akakafakwa ngu-Allister Coetze kwimidlalo yeRugby Championship. UCoetzee udandalazise izizathu ezibangele angamdlalisi uCombrinck. Endaweni yokufaka lo mdlali kwiqela lakhe, umqeqeshi ukhethe ukufaka umdlali osafikayo kwinqanaba eliphezulu – uSbu Nkosi.

IiBoks ziqale amalungiselelo wazo ngoMvulo ngoba zilungiselela ukudibana neWallabies emalanga ngoMgqibelo kwisixeko saseBloemfontein.

“Eyona nto endiqale ndiyijonge mna yindlela adlala ngayo ngoku umdlali. URuan ugqibele kudala ukudlala, khange adlale emva kweSuper Rugby. Lo nto yenza umahluko omkhulu. Ewe, asisajonganga kuphumelela indebe ngoku – kodwa siyafuna ukufumana noba yindawo yesibini, okanye sikhusele isidima sethu,” utshilo uCoetzee. “Ukuba umdlali unethuba elide engadlali, andikwazi ukulindela umdlalo okwiqondo eliphezulu kuye kwimidlalo yovavanyo. Kwaye indlela ebedlala ngayo kunyaka ophelileyo, yahlukile kuneli ixesha. Ukusuka kumbhoxo wamaqela uya kwinqanaba lesizwe, linyathelo elikhulu kakhulu elo,” utshilo uCoetzee.

Umdlali wasephikweni uRaymond Rhule, uye wagxekwa kakhulu emva kokubethwa kweBoks ngo’57-0 zi-All Blacks. UCoetzee umkhusele lo mdlali.

“Abantu bakhawuleze balibala indlela awadlala kakuhle ngayo uRhule kula mdlalo sawudlala neWallabies ngaphambili. Andinakuze ndilaxaze umdlali emva komdlalo omnye, ndiphinde ndiqale okutsha ukukhangela omnye. Enye yezinto esizama ukuzenza njengeqela kukufunda ukwamkela uxanduva neempazamo zethu. Siyafunda kwaye silungisane,” utshilo.

Into eyenza iiWallabies zizithembe phambi kwalo mdlalo useBloemfontein kukuba zibethe i-Argentina kule mpelaveki iphelileyo.

Emva komdlalo wale veki, iiBoks zakwamkela iNew Zealand kumdlalo ozakube useNewland.