UCoetzee uphoxekile kukubethwa kweBoks

Umqeqeshi weSpringboks * -Alister Coetzee uthi iqela lakhe lidlale ngendlela engancumisiyo kumdllao walo ne-Ireland ngoMgqibelo. ISpringboks sibethwe ngo’26-20 kulo mdlalo wokuqala wovavanyo.

Ngumdlalo wesibini lo iSpringbok sibethwa yi-Ireland, kulandela ukubethwa kwaso liqela likaJoe Schmidt, eDublin ngo-2014.

Lo ibinumdlalo wokuqala kaCoetzee njengomqeqeshi oyintloko weBoks, kwaye ibingumdlalo obaluleke kakhulu kuye.

Indlela abadlale ngayo abadlali beSpringbok bebebonakala njengabadlali abangakhange bafumane xesha laneleyo lokuziqeqesha kwindawo enye.

Eli qela lichithe iiveki ezimbini zonke liziqeqesha kunye, ukulungiselela lo mdlalo wovavanyo.

UCoetzee uthe emva komdlalo iqela lakhe khange lidlale ngokuzimisela kakhulu, kwaye belinga- qinisekanga.

Inzalelwane yalapha eMzantsi Afrika edlala e-Ireland uCJ Stander uye wanikwa ikhadi elibomvu kwisiqingatha sokuqala somdlalo.

Loo nto ithethe ukuba eli qela lizakudlala ngabadlali abalishumi elinesine.

Ukungqengqa emgceni ngomzuzu wokugqibela kukaPieter- Steph du Toit kwenyuse amathemba eSpringboks kuba besisiza emva ngamanqaku amathathu. Umdlali okhabayo we-Ireland uPaddy Jackson ngoyena uze namanqaku amaninzi kweli qela ngenqina lakhe.

“Ndiphoxeke kakhulu yindlela esidlale ngayo, kunye neziphumo zomdlalo. Ibuhlungu, ayisiyiyo indlela entle yokuqala. Siliqela sithatha uxanduva olupheleleyo ngokubethwa kwethu, kwaye siziphoxile,” utshilo uCoetzee ekupheleni komdlalo.

“Mandilincome neqela lesizwe lase-Ireland. Bebenabadlali abambalwa kodwa badlale kakuhle. Khange sizimisela kwaye akufuneki sizimele. Kufuneka silungise iimpazamo zethu phambi komdlalo weveki ezayo.”

Umdlali okhabayo * -Elton Jantjies kulindeleke ukuba awuqale umdlalo kwiveki ezayo e-Ellis Park Stadium.