UCoetzee uzakuvuyela ukubuya kukaLambie

Ukubuya kuka Patrick Lambie emonzakalweni, ayizondaba zimnandi kwiiCell C Sharks kuphela kodwa lento iza kuthetha lukhulu nakwiSpringboks, nje ngokuba nje ngokuba silungiselela imidlalo ye-Ireland kule nyanga izayo.

IiCell C Sharks bezibuya kukhenketho lwaseNew Zealand kule mpelaveki, zafikela kwiindaba ezimnandi zokuba ikapteni yazo uLambie, uzakuqala ukuzilolonga neli qela kule veki.

ULambie uzakube elungele ukudlala kumdlalo wangoMgqibelo phakathi kweeHurricanes neeSharks eKings Park.

Ezindaba ziza kumonwabisa nomqeqeshi omtsha weSpringbok, * -Allister Coetzee, kuba ngelixa esaqeqeqesha iStormers neWestern Provinve wayemncoma kakhulu uLambie.

Lo mdlali uzenzele igama kakhulu ngokukhaba kwiiSharks nakwiSpringbok. U-Elton Janjties ebelithemba lokuba angavala kaLambi, kwiSpringboks, kodwa uye wafumana umenzakalo kumdlalo pbuphakathi kwe-Emirates Lions neeHurricanes kule veki iphelileyo.

Ukubuya kukaLambie kuzakutsho kunike uJantjies ixesha elaneleyo lokuba aphole.

ULambie uwaxelele amajelo eendaba ukuba akawazi, okwangoku unmsebenzi ekulindeleke ukuba awenze kwiiSharks, kodwa ukulambele ukudlala xa enikwe ithuba.

Mhlawumbi uLambie anganganikwa thuba lokudlala kule mpelaveki nangona ekulungele ukudlala, ingakumbi emva kwendlela eliqhube ngayo ityendyana elimbambeleyo uGarth April.