UColin Nathan ugxeka usompempe emva kokubethwa kukaLerato Dlamini!

ULerato Dlamini ubuyele ekhaya ephoxekile emva kokuphanza kwelinge lakhe lokuphumelela umlo obalulekileyo. Oku kwenzeke emva kokuba uDlamini ebethwe nguTomoki Kadema emlweni obubanjelwe eJapan ngempelaveki egqithileyo. Ethetha kwividiyo ayifake kuFacebook emva komlo, uDlamini ebebonakala ukuba ukubethwa kwakhe kumshiye exhelekile emphefumlweni wakhe. Iijaji ziwabe ngolu hlobo amanqaku eembethimanqindi: 114-113 (Dlamini), 113-114 (Kadema), 111-116 (Kadema). Inkampu kaDlamini ithi indlela alwe ngayo inconyiwe ngabantu baseJapan abathe nguye olwe ngcono.

Nakubeni iziphumo zomlo zingancumisi, uColin Nathan uyincomile imbethimanqindi yakhe watsho ekhalazela usompempe waseJapan amtyhola ngokwenzelelela uKadema emdlalweni obusemgangathweni ophezulu. UNathan, owaziwa ngesiteketiso esithi Nomakanjani, ukhokelwa kwelokuba imbethimanqindi yakhe ibikufanele ukuphumelela ngoba iwenze kakuhle umsebenzi eqongeni. “Ndiyazingca ngomsebenzi kaDlamini. Umgangatho womlo ubukwinqanaba eliphezulu ngendlela emangalisayo,” utshilo uNathan obuye ephoxekile.

“Ndicinga ukuba usompempe waseJapan akawenzanga kakuhle umsebenzi wakhe eqongeni. Umyekile uTomoki esenzisa intloko akamohlwaya ngokumthathela amanqaku. Uza kuvuka uDlamini kwakhona,” utshilo uNathan ohambe enethemba lokuqhuba kakuhle emlweni obalulekileyo. Nakubeni ukubethwa iyinto embuyisele umva – kodwa uLerato Dlamini uyimbethimanqindi enawo amandla nesakhono sokubuyisa isidima sayo emilweni elandelyo. Ngakumbi emva kokufumana inkxaso emandla kubalandeli abamthandileyo esilwela eJapan.

UNathan ujongene nomnye umsebenzi onzima, wokuphakamisa imbethimanqindi ebinethemba lokwenza kakuhle ibethelele nendawo yayo emdlalweni wamanqindi kwihlabathi. Kodwa akekho umntu omthandabuzayo uNathan ngoba uyindoda enobuchule obungummangaliso bokuphakamisa iimbethimanqindi emva kweziphumo ezibi. Uyenzile lo nto kuSivenathi Nontshinga waseMonti owaphulukana nentshinga yakhe eyikhuselela okwesibini. Ngoku uNontshinga yintshatsheli yehlabathi elungiselela ukukhusela kwakhona.