UColin Nathan wamkela enye imbethimanqindi esuka eMonti

Isitali sikaColin Nathan siyanda ngenxa yeembethimanqindi ezifikayo kuso. Kwisithuba nje seeveki ezimbini, uNathan wamkele iimbethimanqindi ezimbini ezinekamva eliqaqambileyo emanqindini. Kwiveki ephelileyo, uPhumelele Cafu utyikitye isivumelwano esitsha neNo Doubt Management – inkampani yabathelekisi ekhokelwa nguColin Nathana.

Zombini iimbethimanqindi zakhe ezintsha ziphuma kwiphondo leMpuma Koloni esahamba emva kuphuhliso noxa inetalente engenambaliso kwicala lamanqindi. UCafu ebekade ephantsi kweXaba Boxing Promotions phambi kokufudukela kwiphondo laseGauteng.

Kutshanje ulandelwe nguSimnikiwe Bongco – imbethimanqindi esencinane futhi ethembisayo kakhulu. Emdlalweni wamanqindi, uBongco sele ezibonakalisile ngoba unembasa yebronze awayifumana emidlalweni ye’Olimpiki. Le ndedeba yakwaBongco, ephuma eMonti ngokuzalwa, ibiphantsi kukaMzamo ‘Chief’ Njekanye ozibaluleyo emanqindini ngokuvelisa iintshatsheli.

Nangona kukhe kwababazwa ukungaginyani ncam phakathi kukaNjekanye noNathan kwiminyaka egqithileyo – kodwa izinto ziguqukile ngoba ngoku basebenzisana ngaphezulu kunakuqala. “Izinto ziguqukile. Indlela endenza ngayo izinto kwishishini lam ayisafani nangaphambili.

“Uthe uSimnikiwe xa ecela ukuhlangana nam, ndiye ndamxelela ukuba ubuhlobo phakathi kwam noNjekanye andifuni bumoshakale ngenxa yembali esisuka kuyo. Ndithethile noChief savumelana sonke,” utshilo uColin.

Phakathi kweembethimanqindi ezincedwe nguNathan kukho uXolisani Ndongeni, Azinga Fuzile noSivenathi Nontshinga onentshinga yehlabathi ayifumene kulo nyaka.

“Intwana yam iye eGoli ngokuzikhethela. Akukho nto imbi ngoba sivumelene sonke ukuba masisebenzisane,” utshilo uNjekanye kwingxelo ebhaliweyo ekhutshwe yiNo Doubt Management kutshanje. Kulindeleke ukuba uBongco adibane noSiseko Makeleni emlweni we-IBF Continental Lightweight engenamntu kwinyanga ezayo.