UCombrinck uhlangule iSpringboks

Umqeqeshi weSpringboks * -Allister Coetzee nakanjani na ehlile kuye amaxhala, emva kokuba iqela lakhe likwazile ukuguqula izinto labetha i-Ireland ngo’32-26, kumdlalo wesibini wovavanyo e-Ellis Park ngoMgqibelo.

Emva kwenqwaba yeepenalthi eziqatyeliswe nguPaddy Jackson we-Ireland kwisiqingatha sokuqala kukhe kwabonakala ngathi iyazika inqanawa yeeBoks. Abalandeli bebesele bencamile, besithi iqela likaJoe Schmidt liza kuphumelela kolu luhlu lemidlalo mithathu yovavanyo.

Ukungena kukaRuan Combrinck yeyonanto ize neempendulo kuCoetzee. Xa kungenwa kwisiqingatha sesibini, lo mdlali uye wangena endaweni kaLwazi Mvovo.

UCombrinck uzibonakalisile ukuba yiminyaka elambele ukunikwa ithuba lokudlala kwiiBoks, emva kwebhola edlalwe kakuhle nguWillie le Roux uyinike uCombrinck ecaleni, khange athandabuze wageca konke phambi kwakhe wayokulala emgceni.

Ukungqengqa kwakhe emgceni kubuyise ithemba kwiiBoks, kuba ngoku amanqaku ebehleli ku’19-10 kusakhokela i-Ireland.

Amandwendwe azibonakalisile ukuba akakayigqibi into ebezokuyenza eMzantsi Afrika.

Umdlali odlala kwindawo yesibhozo uJamie Heaslip uphinde wakwazi ukunyanzela izinto ayongqengqa emgceni.

Omnye umdlali ophakamise imimoya kubadlali beeBoks nguWarren Whiteley ongene endaweni kaDuane Vermeulen ofumene ukwenzakala.

IiBoks ziqale kwizinga elisezantsi kulo mdlalo, ingakumbi kwimizuzu engamashumi amane yokuqala abadlali bebengakwazi kwaphela ukulawula ibhola.

Abafana bakaCoetzee baphantse bafumana amanqaku amahlanu, kodwa into ebangele ukuba babhatyaze kukungakwazi ukulawula ibhola kukaSiya Kolisi, * -Adriaan Strauss noDamian de Allende.

UDamian de Allende obhatyaze ngamandla kwisiqingatha sokuqala ungqengqe emgceni sele kuza- kuphela umdlalo waqinisekisa ngempumelelo yeeBoks. UCoetzee uphantse waqabuka sele kwaphulwe ukuze enze utshintsho, kodwa ngaphandle kwamathandabuzo uza- kuqiniseka ngabadlali bakhe phambi komdlalo wokugqibela ne-Ireland eBhayi.