UComitis akathethi ngabadlali beBlack Aces

Ikamva labadlali beMpumalanga Blaces Aces alicacanga kakuhle emva kokuthengiswa kwayo.

Umnumzana John Comitis ufumene amagunya ngokusesikweni okuba ngumnikazi weBlack Aces ukusukela ngomhla wokuqala kule nyanga yeSilimela emva kokuyithenga kwinyanga ephelileyo.

Kuqinisekisiwe ukufuduka kwayo eMpumalanga isiya eKapa, kodwa uComitis uthe ngabadlali beBlack Aces abazakuthabatha isigqibo.

Ngumqeqeshi uMuhsin Ertugral kuphela athe uzakuhlala engumqeqeshi oyintloko.

Le ndedeba ikhuphe ingxelo ngembalelwano kutshanje ehamba ngolu hlobo: Emva nje kokugaleleka kwam ekhaya ndisuka eMelika, ndinovuyo olukhulu ukunazisa ukuba ngenene ndiyithengile iMpumalanga Black Aces. Isezandleni zam kwaye ndingatsho ukuthi izakuzinza eKapa kwisizini ka’2016/17.

Iqela lakuthi liqale amalungiselelo esizini ezayo phakathi kule nyanga phantsi kwezandla zika-Ertugral. Ndithethile kakhulu nabahlekazi abandithengisele eli qela ngalo mqeqeshi.

Ungumqeqeshi okumgagangatho ophezulu, futhi udlale indima ebonakalayo kumsebenzi omhle owenziwe yi-Aces kwisizini edlulileyo.

Lo kaComitis ubulele kakhulu kwabo bathe banegalelo ekufezekisweni kwephupha lakhe. Ngoku idolophu yaseKapa inamaqela amabini adlala kwi-Absa Premier Soccer League.

Emva kokuthi ndii kweendaba ngokuthengwa kweBlack Aces, abadlali abathile bayivakalisile inkxalabo yabo nanjengoko bekungekho bani othe wabakhanyisela ngokulandelayo ngekamva labo.

Ngaphandle nje ngokuthetha ngomqeqeshi, uComitis akazibophelelanga ngokuthatha abadlali. Okubonakalayo ngoku kukuba ingxelo egcweleyo bakuyifumana eKapa xa belungiselela isizini entsha.

UComitis ubuyela kwiPSL enxibe omnye umnqwazi emva kokushiya i-Ajax Cape Town.