Oku kudizwe liSolezwe kutshanje kwincoko ayenze malunga namalungiselelo esizini ezayo. Lo kaComitis ubuyele kwibhola elikhulu eMzantsi Afrika emva kokuthenga iMpumalanga Black Aces kunyaka ngemali engazange ichazwe nawayitshintsha igama kunyaka ophelileyo. Kwisini yokuqala,
Percy Tau of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership match between Bidvest Wits and Mamelodi Sundowns on 01 May 2017 at Bidvest Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix
Ukususa uTshabalala noTau kumaqela wabo soze kube lula konke konke ngoba iingcambu zabo kuwo zibambelele, babalulekile futhi kungamtyabula izigidi ngezigidi zerandi ezivisayo uComitis. Kodwa ebholeni akukho nto ingenzekiyo xa umntu enayo imali ehamelana neminqweno yakhe kwaye umntu ofuna iqela lakho libe nobunganga ebholeni, kufuneka uchithe imali njengoPatrice Motsepe othenge abadlali ngeemali ezinkulu phambi kokufezekiswa kweminqweno yakhe. “Ndizimisele ukulikhulisa iqela lam. Ndifuna uTau noTshabala ukuze kwenzeke lo nto. Andinayo ingxaki nokuba kungathiwa ndiqongqotha neyokugqibela imali. Ndizakuthetha namaqela wabo ekupheleni kwale sizini,” utshilo uComitis.
Njengangoku iCitizens iphakathi kwamaqela alwela indebe yePSL nangona ihamba emva kwiBidvest Wits ethe ngcu phezulu.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns