UComitis ufuna amanqaku apheleleyo kwiKaizer Chiefs

USibusiso Masina weCape Town City esilwela ibhola noWiseman Meyiwa weKaizer Chiefs kumdlalo we-Absa Premiership phakthi kwala maqela mabini eCape Town Stadium ©Chris Ricco/BackpagePix

Phakathi kwemidlalo ekulindeleke ukuba itake iintlantsi kule mpelaveki ngulowo uphakathi kweKaizer Chiefs neCape Town City.

Lo mdlalo uzakube useFNB Stadium ngo’20:15 ngoMgqibelo. Amakhosi neCitizens zinethemba lokuvala umsantsa ovulwe yiMamelodi Sundowns ephezulu kwiPSL – kodwa omabini la maqela kunyanzelekile ayiphumelele yonke imidlalo yawo.

Umqeqeshi uBenni McCarthy uza kuthembela kwifolosi eyayidlalela iChiefs, uMatthew Rusike, ofake igowuli ngethuba iCity ibetha iBidvest Wits kumdlalo weNedbank Cup kwiveki ephelileyo.

UJohn Comitis uxelele iCape Times ukuba wonelisekile ziifolosi azifumeneyo emva kokutyikitya umdlali waseKenya ogama linguMasoud Juma.

Iqela likaMcCarthy lidlala kakuhle – kodwa beliqhwalela kwicala lokufaka amagowuli, ngakumbi emva kokuhamba kukaLehlohonolo Majoro oye kwiWits.

“Sityikitye uMasoud Juma, ngoku sonelisekile ngabadlali esinabo phambili. Usonzakele, akuphila uzakumane efakwa emidlalweni ade aqhele. Sabona ukuba masikhawulezele uRusike sakuva ukuba uyahamba kwiqela laseTunisia. URusike ngumdlali olungileyo, uyakwazi ukufaka uxinizelelo emidlalweni futhi kuninzi anokunceda ngako iqela. Njengokuba sinoRusike noJuma, ukhuphiswano luza kusinceda kwaye sinethemba lokuba ingxaki yokufaka amagowuli iza kusombululeka,” utshilo uComitis.

Amakhosi neCape Town City ziyalandelela kwiPSL, lo nto yenza lo mdlalo wale veki unike umdla ngakumbi. Usihlalo weCity uthi ufuna amanqaku amathathu qha kwiChiefs.

“Ukuba sizimisele nokulwela indebe yePSL, kufuneka siphumelele lo mdlalo. Kwintlanganiso ebendiyibambe noBenni sithe lo mdlali ubalulekile. Ukuba siyawuphumelela – lo nto iza kubeka uxinizelelo kwamanye amaqela,” utshilo uBenni.

Kwelinye icala, uSteve Komphela akafuni kunikela nangona iChiefs ishiywa ngamanqaku asixhenxe yiSundowns.

Ekuqaleni kwale veki, uKomphela uthe kunyanzelekile iqela lakhe liyiphumelele yonke imidlalo yalo ukuze lifumane ithuba elicacileyo lakufumana indebe.