UComitis umamkele ngezandla ezishushu * -Eric Tinkler

Iindaba ezothuse uninzi labalandeli bebhola ekhatywayo kule mpelaveki, kukuqeshwa kuka-Eric Tinkler nje ngomqeqeshi omtsha weMpumalanga Black Aces.

UTinkler utshintshiselene ngesikhundla noMuhsin Ertugral obesandula ukuqeshwa njengomqeqeshi oyintloko we-Orlando Pirates kwiiveki ezidlulileyo.

UTinkler uqhube iPirates yakwazi ukugqiba isizini ihleli kwindawo yesixhenxe kwiPremier Soccer League.

Enye into akwazileyo ukuyenza kukusa eli qela kumdlalo wamagqibela kankqoyi weCAF Confederation Cup neNedbank Cup, kwisizini yakhe yokuqala njengomqeqeshi oyintloko.

Kwingxelo ekhutshwe liqela, uJohn Comitis osandula ukuthenga i-Aces akugqiba wathuthela eli qela eNtshona Koloni uthe: “Mna John Comitis ndiyavuya ukwazisa ukuba umqeqeshi oyintloko weqela elitsha eKapa izakuba ngu-Eric Tinkler.

“Inqabile into yokuba ufumane umqeqeshi oyintloko oyinzalelwane yalapha eMzantsi Afrika nothe wadlala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo kwihlabathi kwi-EPL nakwiSerie A. Ukwaleka apha ufumene iimpepha mvume ezikumgangatho ophezulu i-UEFA Pro Licence.

Sizibophelele naye kwisivumelwano seminyaka emithathu, kwaye siqinisekile ukuba amava akhe kunye nolwazi ziza kusincedisa ukwakha eli qela ukubheka phambili.

“Impumelelo yakhe kwiCAF ihleli ezimbalini kwaye yenye yezinto eyenza sizingce ngesi sigqibo. Eric Tinkler iKapa liyakwankela.”

I-Aces izamile kwisizini ephelileyo, kwaye igqibe isizini ikwindawo yesine phantsi kolawulo luka-Ertugral. Yeyonandawo iphezulu lakhe lahlala kuyo eli qela oko lafikayo kwiPSL.