USihlalo weCape Town City, uJohn Comitis uthi kubalulekile ukugqama kweKaizer Chiefs ne’Orlando Pirates kwakhona ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika. Oku ukuthethe encokweni kwisikhululo sosasazo sikaSABC esiseGoli kule veki. Iqela lakhe liphakathi kwamaqela adlalela izigidi zerandi ezilishumi zeMTN8. Ngaphezulu koko, iCape Town City incwase ukuqhuba kakuhle kwisizini entsha ngaphezulu kunesizini egqithileyo ekhe yagqwidiza amatyeli aliqela ngendlela engaqhelekanga.
Nakubeni iqela lakhe lisoloko lisilwela ukuphumelela iindebe – kodwa uComitis uthi kubalulekile ukuqhuba kakuhle kweChiefs nePirates ngoba umdla woosomashishini ukuloo maqela. “Njengomntu ndisesikhundleni esiphezulu ebholeni, andingeke ndisebenzise indlela endiziva ngayo kuba ndisuka kwiCape Town City. Kubalulekile ukuba iChiefs nePirates ziphumelele indebe yeBetway Premiership ngoba lo nto iza kunceda ibhola yethu. Lawo ngawona maqela athandwayo ngabantu,” utshilo uComitis.
Eminyakeni elishumi, kunkunze iMamelodi Sundowns ephakamise indebe enkulu amatyeli asixhenxe elandelelana. Ngenxa yalo nto, kubekho ukutyhafa kwicala labalandeli abanqabileyo emabaleni. “Loo maqela omabini akanabunganga ebholeni ngenxa yeSundowns. Kum ingase ziphikisane. Ingasebenza ngolo hlobo. IChiefs nePirates ngawona maqela aziwayo ngabantu beli lizwe. Enyanisweni, abaxhasi basokolo bebeke iliso labo kulo maqela omabini ebholeni,” utshilo uComitis.
Uthe ukuphumelela kweChiefs nePirates kungayiphucula indlela abalandeli abaya ngayo emabaleni. “Xa la maqela mabini engaqhubi kakuhle, kuyavakala. Sidinga wona edlala kakuhle ukuze abantu babukele ibhola ekhatywayo. Xa udlala neChiefs, kuza inani elikhulu ebaleni. Ndithetha ngento endiyaziyo. Kubalulekile ukusebenzisana kwethu nabaxhasi. Inkulu kakhulu iBetway Premiership. Xa iChiefs nePirates ziqhuba kakuhle emidlalweni, abantu bayagcwala emabaleni,” uvale ngaloo mazwi uComitis.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo