UCook ukhokela ngomzekelo kwiqela lesizwe leqakamba

Iqela loMzantsi Afrika leqakamba iSAA lenze isiqalo esihle kusuku lokuqala lomdlalo wovavanyo ophakathi kwalo neZimbabwe. Abadlali baqhokre imitsi eyi’271 bephulukene nothinti abathathu kuphela.

Iziqingatha zekhulu zemitsi ziqhokrwe kathathu kulo mdlalo, ikapteni uStephen Cook ebehamba phambili ngemitsi engamashumi asixhenxe anesibhozo. UTheunis de Bruyn naye uzamile wabuya nemitsi engamashumi amahlanu anesibini, ngelixa uStiaan van Zyl naye uze nemitsi engamashumi amathandathu anethoba.

U-Omphile Ramela odlala noVan Zyl kwiCape Cobras naye uqhokre kakuhle kakhulu kwintsebenziswano yabo kwiqela lesizwe. Iqela lalapha ekhaya liphumelele itosi kulo mdlalo laze lakhetha ukuqhokra kuqala, kumabala aseHarare Sports Club. Abadlali beProteas abaquka uDane Vilas, uDane Piedt, Hardus Viljoen noVernon Philander bonke batyunjiwe. UPhilander ebedlala okokuqala kwiqela lesizwe oko wathi wafumana ukwenzakala emlenzeni kweyeNkanga kunyaka ophelileyo.

Imidlalo ekumila kunje izakubanceda abadlali abafana noCook noPhilander ukuba baphucule umdlalo wabo, kwaye baphinde bafumane iindawo zabo kwiProteas. Kungakuhle ukuba umqeqeshi weProteas uRusell Domingo angakhulula abanye abadlali abadala, abangafumani xesha lininzi lokudlala ukuba bancedise eli qela. Ukwenzela ukuba abafumane besemcimbini xa i-Australia neNew Zealand zityelele apha ekuzeni kuphela konyaka.