UCristiano Ronaldo ulihlangule ilizwe lakhe kwiSpain!

Cristiano Ronaldo (2-L) of Portugal converts a free kick to score the 3-3 equalizer during the FIFA World Cup 2018 group B preliminary round soccer match between Portugal and Spain in Sochi, Russia, 15 June 2018. FRIEDEMANN VOGEL / EPA

Umdlalo wePortugal
neSpain ngowona ubujongwe ngammehl’abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo
jikelele kwihlabathi. Eneneni umdlalo ubusezingeni eliphezulu kwaye uvelise amagowuli
amathandathu onke. Kuvele kwacaca zisuka ukuba kudibene iinkunzi zebhola
yaseYurophu ezizondanayo – kodwa akubangakho efuna ukuyiswa. Umdlalo uphele
iPortugal neSpain zibambene ngo’3-3 kumdlalo we-2018 FIFA World Cup obuvutha
bhe eSochi Stadium. Umpondozihlanjiwe womdlali, uCristiano Ronaldo,
uzibonakalisile namhlanje ukuba uhamba phambili ngokuthi afake amagowuli
amathathu wePortugal eyedwa nokuhlangula ilizwe lakhe lisengxakini.

Image may contain: 3 people, people playing sports, stadium and outdoor

Abadlali
beSpain kuye kwanyanzeleka ukuba basebenze nzima zisuka emdlalweni emva kokuba
uRonaldo ebavuse ngegowuli kumzuzu wesithathu umdlalo uqalile kwisiqingatha
sokuqala. Nakubeni iqela lesizwe laseSpain lingene kwindebe yehlabathi
lingazinzanga kakuhle emva kokugxotha umqeqeshi – kodwa lidlale umdlalo
ophucukileyo kakhulu. Liwulawule umdlalo nakubeni iPortugal ihambe phambili
emva kwempazamo eyenziwe nguNacho – owise uRonaldo phakathi emhlabeni
kanozinti. Ifolosi yaseSpain, uDiego Costa, ufake amagowuli amabini kumdlalo
wanamhlanje. UNacho utsale imbumbulu ekude engabonwanga konke konke ngunozinti.

Image may contain: 3 people, people playing sports and outdoor

UCristiano Ronaldo
ngumdlali wokuqala ofake amagowuli amathathu kwi-2018 FIFA World Cup – kanti kwelinye
icala ungomnye wabadlali abafake amagowuli aliqela kwiindebe zehlabathi
ezahlukeneyo. Into enganakuphikiswa nangubani na kukuba iSpain sidlale umdlalo
ophucukileyo. Umtshini ozitshintshayo, u-Andres Iniesta, ebezityala iibhola
kubadlali abafana noSilva naku-Isco – abayigcine iPortugral ixakekile kakhulu
emva. Kwiveki ezayo, iPortugal iza kudibana neMorocco ebethwe ngo’1-0 yi-Iran
namhlanje. Sona iSpain sakuzama ukuzibethela i-Iran esenkcochoyini kuGroup B.

 Portugal: Rui
Patricio, Cédric, Pepe, Fonte, Guerreiro, Bernardo Silva, William Carvalho,
Moutinho, Bruno Fernandes, Cristiano, Guedes.

Spain: David De Gea; Nacho, P. Gerard Pique, Sergio
Ramos, Jordi Alba; Koke, Sergio Busquets; David Silva, Isco, Andres Iniesta;
Diego Costa.