UDa Gama akayichasanga iBafana Bafana

Owen da gama

“Zisina zidedelana.” Lifikile ixesha lokungena komqeqeshi omtsha nakwiBafana Bafana nangona engekaziwa emva kokuba iSafa yagxotha uShakes Mashaba ekupheleni kuka’2016.

Kulo nyaka mtsha, iBafana Bafana, idlale imidlalo emibini phantsi kuka-Owen Da Gama. Ngethamsanqa lakhe, usuka eyondlalele indoda ezayo emva kokuqokelela abona badlali babonwa njengabo bayakuthi bayiphakamise ibhola yeli lizwe.

UMzantsi Afrika ubethe iGuinea-Bissau ngo’3-1 kumdlalo wokuqala eMoses Mabhida Stadium – kodwa ngelishwa awukwazanga ukuyibetha i-Angola kumdlalo ophele iliqanda macala notsale abantu abaninzi eBuffalo City Stadium ngoLwesibini odlulileyo.

UDa Gama wonwabile emva kwale midlalo mibini, uqinisekile ukuba abadlali abakhoyo kwiBafana banawo amandla okuthatha uMzantsi Afrika bawuse kwiFifa World Cup ngo’2018 kwaye uzimisele ukumnceda umqeqeshi omtsha ngokuthi amnike lonke ulwazi anokuthi aludinge ngabadlali nangebhola yoMzantsi Afrika ngokubanzi.

“Siza kumnika lonke ulwazi esinalo umqeqeshi ozayo ngoba ekugqibeleni yeyona nto ibalulekileyo sisizwe sethu. Nam ndafumana kooSteve Komphela, uPitso Mosimane noGordon Igesund. Kubalulekile ukumnika umntu omtsha ulwazi kangangoko sinako,” utshilo uDa Gama.

“Aba badlali banokusisa kwindebe yehlabathi – kodwa kusekho nabanye abadlali abankqonkqozayo kwiqela lesizwe njengoBongani Zungu nabanye. Ngoku ndisabona iqela elihle kakhulu ngoba abadlali abaninzi basezakuba yinxalenye yeBafana,” utshilo uDa Gama.

Emva kwemidlalo engaphaya kwesibini engomqeqeshi obambeleyo, uDa Gama, uthe unawo umnqweno wokuqeqesha iBafana Bafana ngenye imini.

“Ndiyakwazi ukuqeqesha, wonke umntu uyandazi. Ndiyayazi ibhola yethu, ndiyibukele imidlalo emininzi kwaye ndiyakwazi okwenzekayo. Ndinamava awoneleyo emva kokuqeqesha iminyaka emininzi nakwi-Orlando Pirates,” utshilo uDa Gama.