UDa Gama angathembela kuDolly

Umqeqeshi weqela lesizwe labadlali abangaphantsi kwamashumi amabini anesithathu, * -Owen Da Gama, angathembela kuKeagan Dolly emva kokunceda iqela leBafana Bafana kumdlalo odlulileyo.

Lo mdlali unyathelela phezulu emva kokuba efumene amagowuli amabini kumdlalo aBafana Bafana ababethe kuwo iGambia ngo’4-0 e-Independence Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.

Amanye amagowuli amabini afakwe nguThamsanqa Gabuza, kodwa nakuwo uDolly uncedisile. Lo mdlali olinxele uzibalule kakhulu kwisizini yakhe yokuqala kwiMamelodi Sundowns, kwaye uphakathi kwabadlali abathe badlala indima ebalulekileyo kwimpumelelo yayo.

Emva komdlalo weBafana Bafana, le ndodana khange ikwazi ukuzibamba ngenxa yemincili. “Sowuphelile unyaka. Zininzi izinto endizifumeneyo ezifana namawonga, kodwa ukubizelwa kwiqela lesizwe kundenza ndibenemvakalelo eyahlulikeyo.

Kufuneka ndisebenze ngokuzimisela ukuze ndimvuze umqeqeshi ngokundichonga. Ndiyababulela oogxa bam, abaqeqeshi nabanye abantu abandixhasileyo. Ikhono lam lebhola ekhatywayo liyakhula ngoku.

Umqeqeshi uthe mandiziqhelise ukukhaba ndikude kwisiqingatha sesibini, ndiyenzile lo nto, ndatsho ndafumana amagowuli. Ndithe mandizame, zange ndavuya olu hlobo.

Kodwa endingakutsho kukuba kusekuninzi okuzayo,” utsho uDolly. Eli nxele lingukaputeni weSA Under-23, kwaye kulindeleke likhokele iqela loMzantsi Afrika eliya kwii-Olimpiki, eRio de Janeiro, kwilizwe laseBrazil ekuthambekeni kwalo nyaka.

Ngaphandle kwamathandabuzo ngoku uDa Gama ukhuthazekile ngoba abanye babadlali bakhe bayaqala ukuswabuluka kwimidlalo emikhulu, kwaye lo nto yenza umsebenzi wakhe ubelula kunoko bekulindelekile.

pedro.mapelo@inl.coza