UDa Gama ukhangela abadlali be-Olimpiki

Ngulowo nalowo umdlali oselungelweni lokudlalela iqela lesizwe, Amaglug-glug, udlalela ukuba abonwe ngabaqeqeshi beli qela abakhangela abadlali kwiinzame zabo zokubopha iqela elomeleleyo phambi kokuba baye kwii-Olimpiki.

Umqeqeshi weli qela, * -Owen Da Gama, ujikeleza ilizwe lonke; injongo yakhe kukubukela abadlali ukuze abenako ukuchonga phambi kokuba kufike ixesha lokulungiselela le midlalo izakusingathwa sisixeko saseBrazil.

Eli qela loMzantsi Afrika lazibambela indawo kule midlalo yodumo emva kokuba lafumana indawo yesithathu kwitumente [eyayisingethwe yiSenegal ekuzeni kuphela kuka’2015] yamazwe asibhozo nekwachongwa kuyo amazwe amathathu azakuthi amele izwekazi le- Afrika kwii-Olimpiki zalo nyaka. Ukuphumelela kweli qela likaDa Gama kwaba yinto enkulu kakhulu kwilizwe ngokubanzi ngoba lo nto izakunika ithuba abadlali belizwe ukuze bazibonakalise baphakamise negama lelizwe labo.

Njengokuba isizini yePremier League ibuyele esiqhelweni, uDa Gama, upopola abadlali abadlalela amaqela ohlukeneyo ekunye neqela elimncedisayo kulo msebenzi. “Mna nabancedisi bam besithe bhazalala sibukela imidlalo yePSL, NFD ne-ABC Motsepe ukusukela mhla sabuya kwi-Under 23 Afcon kwinyanga ephelileyo.

Emva kokufumana kwethu indawo kwii-Olimpiki sazixelela ukuba eso sisiqalo somsebenzi onzima ekufuneka wenziwe. Asikwazi ukuhlala sicinge ukuba iqela lethu lakudlala kakuhle eRio.

Abadlali abaninzi basiphakamisile isadla kwaye bayakulangazelela ukuya kwimidlalo yee-Olimpiki. Ndiqinisekile sizakuqokelela iqela elomeleleyo phambi kokuba siye eRio. Sikhangela abadlali abazimiseleyo,” utsho uDa Gama.