UDa Gama uyakwamkela ubukho bukaKhune

Unozinti weKaizer Chiefs, * -Itumeleng Khune, akonzakelanga ngendlela exhalabisayo kumdlalo wobuhlobo neBidvest Wits. Iqela lesizwe elilungiselela ukuya kwimidlalo ye-Olimpiki belinomdlalo wokucweya neqela elidlala kwiPremier Soccer League, iWits, eMilpark Stadium, apho lidlale ngokulingana ngegowuli elinye macala.

UKhune uphume kwangoko kulo mdlalo ngenxa yokwenzakala eqatheni. Kwangoko kubekho ukuxhalaba ngoba iqela lesizwe liqala imidlalo ejongwe ngamehlo abomvu ye-Olimpiki kwinyanga ezayo. Kodwa lo nozinti weKaizer Chiefs uthobe izibilini zabantu ngokuxelela abantu kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, ukuba akonzakalanga kakhulu.

“Ndirhuzukile nje, akukho nto ixhomisa amahlo,” utshilo uKhune. Kulindele ke lo mdlali abuyele enkampini ngoLwesine okanye ngoLwesihlanu. Umqeqeshi weSA Under-23, * -Owen Da Gama, ubhengeze iqela elizakumela uMzantsi Afrika. Kwelo qela kuko abadlali ababini abangaphezulu kweminyaka engamashumi amabini anesithathu. Abo badlali ngu-Itumeleng Khune no-Eric Mathoho. Kulindeleke ukuba aba badlali bancede eli qela likaDa Gama likwazi ukufumana indawo kumjikelo olandelayo kwi-Olimpiki. Bobabini badlalela iBafana Bafana kwaye bafumene amava emva kokudlala kwiitumente ezinjenge AFCON nendebe yehlabathi kwicala likaKhune. Nangona lo nozinti weChiefs ebekhe wakhathazwa kukonzakala kwisizini ephelileyo, ubukho bakhe kweli qela bulithamsanqa kuye ngoba ukudlala kwi-Olimpiki yinto enkulu futhi engafumaneki lula.

Kulindeleke ukuba ajongane ngqo noNeymar xa uMzantsi Afrika udibana neBrazil. Ethetha kwiSoccerzone, uDa Gama, uthe into ebangele ukuba bachonge uMathoho noKhune kukuba bafuna ukudibanisa abadlali abazanayo ukuze kubelula ukwenza umsebenzi. UKhune, Mathoho noRivaldo Coetzee badlala bonke kwiBafana Bafana. Lo nto ithetha ukuthi kuzakubalula ukudlala umdlalo odibeneyo.