UDaine Klate ufuna ingasondeli ezembeni iChippa United

UDaine Klate coach ngumqeqeshi omtsha weChippa United. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Umqeqeshi omtsha weChippa United, uDaine Klate, ujongene nomsebenzi omkhulu kakhulu. Ebomini bakhe njengomdlali webhola ekhatywayo ukwazile ukujongana namahl’ ndinyuka kwaye waphumelela phantse kuwo wonke amaqela awadlaleleyo. Yiyo lo nto uKlate namhlanje engomnye wabantu abambalwa abaqokelele iindebe ezilishumi elinesihlanu lonke kwimbali yebhola yaseMzantsi Afrika ukusukela ngonyaka ka-1995 ukuza koka-2019. Ekuqaleni kwale veki, uKlate uchongwe njengomqeqeshi oyintloko yiChippa United. Oku kwenzeke emva kokuba iqela elizinze eGqeberha linike uKurt Lentjies ikhefu elikhethekileyo. Yinto efana nokugxothwa leyo kwiChippa ngoba leyo yindlela abahambe ngayo abaqeqeshi abafana noGavin Hunt kwisizini ephelileyo.

ULentjies uyekwiswe ukuba ngumdlali kwisizini ephelileyo wangumqeqeshi emva kokushenxiswa kukaHunt esikhundleni sokuqeqesha. Emva kokusikwa kwakhe, iChippa iye yathi ikhangela umqeqeshi omtsha oza kuqeshwa ngokupheleleyo. Ayikacaci nangoku eyona nto emenze wanezothe eqeleni alisindise ezembeni. “Sazisa ukuchongwa kukaDaine Klate njengomqeqeshi oyintloko ongena endaweni kaGavin Hunt. UKlate (Daine) yinzalelwane yaseGqeberha aphakathi kwabadlali abaphumelele iindebe ezininzi ebholeni yaseMzantsi Afrika. Emva kokufumana isetifiketi sokuqeqesha (FIFA B Licence), uDaine ebekwanguye umqeqeshi weChippa United edlala kwiDStv Diski Challenge iisizini ezimbini. Uqhube kakuhle ngoba ufumene indawo yesine kwisizini egqithileyo,” sitshilo isibhengezo esikhutshwe liqela kumakhasi onxibelelwano.

“Bekufuneka ndiqale endaweni ukuba ngumqeqeshi,” utshilo uKlate ebalisa kwiSAFM Sport. “Ndiyayazi indlela iqela elisebenza ngayo. Siza kulijonga iqela siqinise ezo ndawo ezifuna ukuqiniswa. Kodwa ndifuna ukuncoma uKurt ondishiyele iqela elomeleleyo. Ndifuna iqela elidlala ibhola ecacileyo nelihlaselayo. Into esiza kuyisebenzela kukudlala kakuhle ukuze singasondeli ezembeni sifumane indawo ephezulu kwiDStv Premiership,” utshilo uKlate. Uza kuncediswa ngamadoda amabini ekudala ekwiChippa United, uBruce July noSiya Gwambi. Eyona nto eza kumsokolisa kakhulu uKlate kukungabikho kwabadlali abasemgangathweni ophezulu emva kokuthengiswa kwabaliqela ekupheleni kwinyanga ephelileyo.