UDaine Klate ugxeleshe ukuthunta iGolden Arrows abuye nempumelelo

UDaine Klate ngumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: © Deryck Foster/BackpagePix

Iyabuya imidlalo yeDStv Premiership kwakhona ngempelaveki emva kokunqumama ngenxa iveki yonke ngenxa yemidlalo yeMTN8 Cup. Phakathi kwemidlalo eza kube ijongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo ngophakathi kweGolden Arrows eyamkela iChippa United emdlalweni weDStv Premiership oza kutaka iintlantsi ngoMgqibelo ngentsimbi yesithathu ePrincess Magogo Stadium. Omabini la maqela khange afumane isiqalo esihle sesizini eqhubekayo. Emidlalweni emihlanu asele eyidlalile kule izini, omabini aqokelele amanqaku amahlanu. Iqela laseMpuma liya kwiphondo laKwaZulu-Natal ukuzithemba kufunqukile emva kokuqokelela amanqaku amane emidlalweni emibini egqithileyo. Kwiveki ephelileyo iChippa United ibambene ngeqanda neTS Galaxy emdlalweni obuseNelson Mandela Bay Stadium.

Kanti phambi koko, ibuye namanqaku amathathu eGoli emva kokubetha iPirates ngegowuli elinye eqandeni. Njengokuba uDaine Klate emtsha kwiChippa, uvakalise ukoneliseka yindlela amakhwenkwe wakhe adlala ngayo. Ngoku ugxeleshe ukuthunta iGolden Arrows abuye namanqaku amathathu aya kunceda iChippa United inyukele ngasentla kwiDStv. Ethetha emva komdlalo ogqithileyo, uKlate uthe: “Sonelisekile kakhulu kukungafakwa kwegowuli kuthi emdlalweni wanamhlanje. Inqaku elinye siyalithatha. Iqela ndiyalibona ukuba liyaqala ukudlala ngendlela esifuna ngayo. Esikufumene kulo mdlalo kuza kusinceda xa silungiselela umdlalo ozayo,” utshilo uKlate, onyuselwe phambi kokuqala kwesizini.

Bendingatha nam ukuba neqela labadlali esendiqinisekile ngabo – kodwa ke sisazama ukwakha iqela. Umdlalo wethu uyaphucuka noxa zisekhona ezo ndawo ezifuna ukulungiswa,” utshilo umqeqeshi. Emva kokuba Abafana Bes’thende bebethe AmaZulu ngo’1-0 ePrinces Magogo, abaqeqeshi banethemba lokufumana iziphumo ezincumisayo kwakhona kwiGolden Arrows ekhe yagqwidiza emidlalweni ethile. Kulindeleke umdlalo unike umdla ngoba omabini amaqela afuna ukuqokelela amanqaku ukuze angasokoli njengekwisizini egqithileyo. Omnye umdlalo oza kujongwa uphakathi kweSuperSport United neMamelodi Sundowns. Amatsatsantsa asophisa emva kokubethwa yiSundowns ngo’2-0 emdlalweni weMTN8 ngeCawe egqithileyo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: SuperSport United vs Mamelodi Sundowns @Lucas Moripe Stadium, 19:30

Mgqibelo: Golden Arrows vs Chippa United @Princess Magogo Stadium, 15:30; Stellenbosch vs Richards Bay @Danie Craven Stadium, 15:00; Kaizer Chiefs vs AmaZulu @FNB Stadium, 17:30; Sekhukhune United vs Royal Am @Peter Mokaba Stadium, 17:30; TS Galaxy vs Cape Town City @Mbombela Stadium, 20:00

Cawe: Marumo Gallants vs Swallows @Peter Mokaba Stadium, 15:00; Maritzburg United vs Orlando Pirates @Harry Gwala Stadium, 17:30