UDaine Klate ujonge indebe enkulu ekupheleni kwesizini

UDaine Klate ngumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kwesiqalo sesizini esihle, umqeqeshi weChippa United uyibethelele into ethi ufuna iqela lakhe lenze umsebenzi ongcono kunalowo eliwenze kwizisini ephelileyo. UDaine Klate uvakalise uvuyo lwakhe iChippa United ibuya nenqaku elinye emva kokubambana neSuperSport United ngo’1-1 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ngeCawe egqithileyo. Nangona iChippa ingakwazana ukubambelela kwigowuli elifumene kwisigaba sokuqala – kodwa indlela abadlali abadlale ngayo imkhuthazile kakhulu uKlate ongoyena mqeqeshi oyintloko omncinane kwiDStv Premiership.

Ukuthembisa kweChippa kumenze ilunda watsho wanesibindi sokuthi ufuna iphumelele indebe yeDStv Premiership ekupheleni kwesizini eqale kwiveki ephelileyo. “Ndifuna indebe yeDStv. Yeyona nto endiyifunayo leyo ekupheleni kwesizini,” utshilo uKlate owaphumelela zantathu esengumdlali weSuperSport United azive amandla wakhe kuyo njengomqeqeshi omtsha. “Ukuba ungandibuza indawo endiyifunayo, ndifuna indawo yokuqala. Yileyo into esiyibethelelayo ezingqondweni zethu. Kufuneka senze ngcono kunesizini egqithileyo,” utshilo uKlate. Kule veki iChippa ijongene nemidlalo enzima yale veki. Indlela edlale ngayo iza kuba nefuthe kwindlela eqhuba ngayo kuyo yomibini. NgoLwesithathu iye yadibana neRoyal AM ekhuthazekileyo kakhulu emva kokubetha iKaizer Chiefs ngo’1-0 emdlalweni obuseChatsworths Stadium kwiveki ephelileyo.

Ukuze iChippa United ifumane amandla okwenza njengokuba efuna uDaine Klate, kufuneka ingabethwa okanye iphumelele yombini imidlalo. Owona mdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ngabantu abaninzi ngulowo iChippa iza kudibana kuwo ne-Orlando Pirates emalanga ngeCawe. Ezimnyama zisoloko zizidaphela kwiChippa United xa indwendwele eGoli – kodwa iqela laseMpuma Koloni kuzawunyanzeleka lilwe. Ivule kakuhle iPirates ngokubetha iSwallows ngo’1-0 kodwa ayikadibani kakuhle. Kufuneka iChippa ikhangela iindaba enokuzixhaphaza ivale emva kokuvuzi nto.