UDan Malesela ngumqeqeshi omtsha weRoyal AM

UMamkhize ubhengeze izinto ezintsha eziza kwenzeka eqeleni lakhe phambi kwesizini entsha. Eyothuse abantu abaninzi ibe kukuqesha uDan Malesela njengomqeqeshi weRoyal AM – kodwa bekuqeshwe uKhabo Zondo kwiiveki ezimbini ezigqithileyo. Ngokutsho kwakhe uMamkhize, iRoyal AM iza kuqeqeshwa ngabaqeqeshi abathathu. Kulindeleke ukuba iThwihli Thwahla idlale imidlalo emininzi ngoba iza kuthi ikwiDStv Premiership ibe isemidlalweni yeCAF Confederation Cup. “Siza kube sinabaqeqeshi abathathu abaza kuqeqesha ngokubambisana,” utshilo uMamkhize. Zange yakhiwe ngouku olunye iRome.

Abaqeqeshi baza kusinika izinto ezingafaniyo esizidingayo. Nokuba abavumelani – kodwa sifuna iziphumo ezihle bengasiguqulanga isitayile seqela. Lo nto ndiyicacisele kubo ngethuba lodliwanondlebe. Sidlala ibhola ngesantya esiphezulu kwaye siyanyamezela,” uthilo uMamkhize ethetha neentatheli emini nalanje. Malesela, uZondo noWire Nteo ngamadoda anikwe uxanduva lokwenza umsebenzi okwizinga eliphezulu njengoJohn Maduka ohambe waya kwiMaritzburg United. kwangaxeshanye, uMamkhize ubhengeze uPhilani Cele, uStoffels noShane Roberts njengabadlali abatsha.

“Sigqibe kwelokuba simbuyise uCele ngoba sifuna uzinzo eqeleni. Sifuna ihlale itshisa iRoyal AM. Naye simbuyisile uStoffels, futhi sifuna ukwakha ikamva leqela ngabantu abafana noShane Roberts,” utshilo uMamkhize. Abadlali abatsha bafikela kwabanye abaliqela iRoyal AM elungiselela ngabo ukulwa kwiCAF Confederation Cup. Amadoda amathathu aqeqesha iqela aza kufumana lokuvavanya abadlali xa iRoyal AM ithatha inxaxheba kwiKZN Premier’s Cup ekulindeleke idlalwe ekupheleni kwenyanga. Kusathe cwaka ngoSinky Mnisi – ingqonyela enqunyanyiseweyo ngenxa yezityholo ezingadizwanga. IThwihli Thwahla iza kuvula isizini ngokudlala neKaizer Chiefs ngomhla wesihlanu.