UDan Malesela ukhonjwe emnyango nguMpengesi emva kwehlazo layizolo

Umqeqeshi weChippa United uDan Dance Malisela kunye nosihlalo weChippa United uSivuyile Chippa Mpengesi ngethuba kunikezwela inkundla yezemidlalo i Jan Smuth stadium ezokusetyenziswa yiChippa United-Umfanekiso : BHEKI RADEBE

Umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, ugxothiwe ngumphathi wakhe uMnu. Siviwe Mpengesi emva kokuhlazwa kweqela lakhe izolo ngorhatya. IChippa United iphume eMgungundlovu – apho ivuthululwe yiMaritzburg United ngemvula yamagowuli amahlanu kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eHarry Gwala Stadium. I’solezwe lihletyelwe ngabasemfuthweni wolwazi ngezi ndaba – kodwa isithethi seChippa, uMnu. Sisa Majola, khange aziqinisekise iindaba zokuhamba komqeqeshi.

Azothusi kekambe ezo ndaba ngoba uMpengesi udume ngokugxotha abaqeqeshi – kodwa kweli ityeli, bekuza kuba nzima ukumgcina uMalesela ngoba iChippa United akaqhubi kakuhle kwiDStv Premiership. Emidlalweni esibhozo, iChippa ayiphumelelanga namnye umdlalo ngaphandle kweyeNedbank Cup eqhuba kakuhle kuyo. Ibikokwesine uMalesela ebuyela kwiChippa United kule sizini emva kokugxothwa kakubana kwityeli elingaphambili engagqibanga nemidlalo emihlanu kuqala isizini.

Akukacaci ukuba ngubani umqeqeshi oya kungena ezihlangqini zikaDan Dana noza kuzama ukuyihlangula ingathotyiselwa ekupheleni kwesizini. Phambi kokuqesha uDan Dan, uMpengesi waqesha uLu Eymael waseBelgium – kodwa kwanyanzeleka amgxothe engekasebenzi emva kokuvumbuluka kwezityholo zobuhlanga ngethuba esasebenze eTanzania. IChippa ihleli kwindawo yeshumi elinesine kwiDStv Premiership.