UDan Malesela unexhala lePirates elenza iingqongqo iqela lakhe

Umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, uthi abadlali bakhe kufuneka baqinise umqolo xa bedibana ne-Orlando Pirates ngomso emdlalweni weDStv Premiership. Iphantsi koxinizelelo iChippa United emva kokuba idlale ntanganye ngeqanda macala neCape Town City emdlalweni obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium, eMdantsane, eMonti.

Kunyanzelekile aphumelele amakhwenkwe kaMalesela ukuba afuna ukuyiphepha ingxaki yokulwela ukusinda ezembeni asoloko ezibhaqa ekuyo qho xa kusongwa isizini. “Kuza kuba nzima kakhulu ukudlala nePirates. Liqela elinabadlali abaninzi kwaye lingabatshintsha abadlali nanini na xa efuna umqeqeshi. Kufuneka sidlale ngokuzimisela njenga xa sidlalela kude nekhaya. Kufuneka siqinise indlela esisebenza ngayo ukuze sifumane iziphumo ezincumisayo,” utshilo uMalesela emva komdlalo eMdantsane.

Ngoku iChippa United ikwindawo yeshumi elinambini, ishiya amaqela asemsileni ngamanqaku amane kuphela. Ukuba ingaphumelela, lo nto ingayithatha iyibeke kwindawo yeshumi. Amathuba okuphumelela kweChippa United mancinci kakhulu ngoba isoloko ibethwa yiPirates. Okuphinda kube kubi kukuba iChippa isaphumelele umdlalo omnye kule sizini.

Kodwa eyona ifuneka ngamandla kwiChippa yimpumelelo ukuba ayifuni ukufunyanwa ngamaqela aza emva kwayo. Ezimnyama ziya eGqeberha (ebifudula iyiPort Elizabeth) ukuzithemba kwabadlali kuphezulu emva kokubetha iBloemfontein Celtic ngo’1-0 ekuqaleni kwale veki. Loo mpumelelo ithathe iBucs yayibeka kwindawo yesithathu kwiDStv Premiership. Ngoku ishiywa ngenqaku elinye kuphela yiSuperSport United ekwindawo yesibini.

Nangona izinto ziyihambela kakuhle iPirates engekabethwa emidlalweni esixhenxe eyidlalileyo – kodwa umqeqeshi wayo, uJosef Zinnbauer, akafunanga tu ukuthetha ngokulwela indebe yeDStv Premiership. “Asinawo amanqaku awoneleyo anokusenza sithethe ngokulwela indebe yeDStv. Okwangoku asikwazi, sakubona okwenzekayo ethubeni. Sakuthi ke xa sisondele kwiqela eliphambili, siqale sithethe ngokulwela indebe,” utshilo uZinnbauer.