UDaniel Akpeyi liqhawe leChiefs ebiphethwe mbengwane yiPirates ingaphelelanga

Daniel Akpeyi of Kaizer Chiefs save a penalty during the 2019 Telkom Knockout quarter final match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at Moses Mabhida Stadium, Pietermaritzburg, on 2 November 2019 Samuel Shivambu/BackpagePix

Idlulele kumjikelo
olandelayo iKaizer Chiefs namhlanje kwiTelkom Knockout emva kokuncedwa
nguDaniel Akpeyi kumapenela emdlalweli ewugqibe ingaphelelanga i-Orlando
Pirates. Njengesiqhelo, iMoses Mabhida Stadium ibigcwele ime ngeembambo
ngabalandeli abagoduke bexolile ngumgangatho womdlalo obusezingeni eliphezulu
emalanga namhlanje. Kuye kwanyanzeleka okokuba umdlalo uye kwixesha
elongezelelweyo emva kokuba amaqela ebambene ngamagowuli amabini (2-2)
kwimizuzu engamshumi alithoba. Amakhosi aphumelele ngo’4-2 kumapenela aye
wabhoka isicuku kuwo uDaniel Akupeyi ovale ade ambini. Ezimnyama ebeziyiphethe
mbengwane iChiefs zitsazise igazi kuqala ngebhola efakwe nguFortune Makaringe
odlalelwe ibhola nguThembinkosi Lorch – abadlali aqale ngabo noKabelo Dlamini
umqeqeshi emdlalweni wanamhlanje.

Isiqalo
besivutha bhe – Amakhosi exhokonkxe ngoLeonardo Castro, uSamir Nurkovic noKhama
Billiat. Usompempe umsindisile uLorch onyathele uBilliat ngabom elele phantsi.
Eso sigqibo siye sayinika amandla iPirates ngoba ifake igowuli emva koko. Iqhubele
phambili iPirates nokudlala kakuhle umdlalo ophucukileyo yade yaphazanyiswa
likhadi elibomvu elinikwe uMthokozisi Dube – oshiye isithuba esikhulu. UCastro ufake
igowuli lokulinganisa. Kwisigaba sesibini, uDaniel Cardoso ufake igowuli
lesibini ngepenela emva kokuba uAbel Mabaso, owenze umsebenzi omhle noPaseka
Mako kwisigaba sesibini somdlalo, ebambe ibhola ngesandla endaweni embi. Nayo
iPirates ikhalele ipenela emva kokuwa kukaMakaringe ebhokisini abanjwe kuyo ngu-Akpeyi.
Umdlali ofake igowuli lesibini leBucs lifakwe nguGabadinho Mhango ofike wenza
isiphithiphithi esiqhiyazise abadlali beChiefs. Ekugqibeleni iqhawe ibe ngu-Akpeyi
ocike amapenela amabini ukuze kuphumelele iChiefs ebizimisele kakhulu kuwo.

 

Chiefs: Akpeyi, Sasman, Mathoho, Cardoso,
Blom, Katsande, Maluleka, Manyama, Nurkovic, Billiat, Castro

Amalalela: Bvuma, Parker, Kambole,
Zulu, Zuma, Ngezana, Ntiya-Ntiya.

Pirates: Sandilands, Dube,
Jele, Maela, Nyauza, Motshwari, Dlamini, Makaringe, Pule, Lorch, Mabasa.

Amalalela: Delle,
Chabalala, Mabaso, Mako, Mhango, Shonga, Mulenga.